Community

Abahlali base Mnquma basakhwina yimeko yeendlela

Mnquma

Abahlali baseMnquma neendawo ezingqongileyo basahleli ethembeni emveni kwesithembiso esenziwa lisebe lezoThutho eMpuma Koloni sokuba indlela ephakathi kweGcuwa nedolophu yakuCentane iza kwenziwa kwinyanga uMatshi kulo nyaka.

Kodwa kunanamhlanje akukho kwanto ecacayo ukuba izakuqalisa nini ukwenziwa leendlela iigcwele iimingxunya.

NgoDisemba kunyaka ophelileyo uMphathiswa wezoThutho ephondweni, uXolile Nqatha ekunye negqiza lakhe babamba intlanganiso nabahlali bakuCentane kwiholo yedolophu nalapho babaxelela khona ukuba kuzoqalisa ukwenziwa kwendlela kulo nyaka.

Oka Nqatha waye wazisa inkampani ezakulungisa lendlela igcwele iimingxunya ebahlalini ebabegcwelise iholo kuCentane.

Inkampani ikunye noka Nqatha baye baxelela abahlali ukuba indlela iza kuqalisa ukwenziwa kulo nyaka ngoMatshi.

Kodwa ngexesha iphephandaba iDizindaba ikhangela nkqubela phambili malunga nesithembiso sesebe sangonyaka ophelileyo.

Kunqapheleke ukuba umsebenzi awukaqalisi endleleni kwaye isizathu sokuba ungekaqali umsebenzi awaziwa ngabahlali bakuCentane nabaseGcuwa.

Ngaphambili lendlela yayifudula isenziwa yinkampani ethile neyavela yawuyeka phakathi umsebenzi iwenza.

ISebe laye lathembisa ngelithi lizakuyilandela ufuna ingxelo ukuba kwenzekeni njengokuba umsebenzi uyekwe phakathi.

Okwangoku kubonakala abahlali basezokuhlala bajonge enkalweni belindele kurhulumente malunga nale ndlela iphakathi koCentane neGcuwa.

Ngeloxesha zona izithuthi zazo zizakuthi gqolo zisengxakini yokumoshakelelwa ngamavili ngenxa yemeko emaxogo yendlela.

Kwaye imeko yale ndlela inegalelo elibi kuqoqosho lwaseMnquma njengoko isenza kubenzima ukutsala abatyali zimali.