Community

Lulindele izakhono ngolimo ulutsha

Ntabankulu

Ulutsha lwaseNtabankulu kulindeleke ukuba lifumane izakhono zolimo kwiKholeji ezakwakhiwa edolophini ingaphelanga lenyanga.

Ngonyaka u202, uMphathiswa ojongene neMfundo ePhakamileyo, uGqirha Blade Nzimande wabamba indibano nosodolophu waseNtabankulu, uTsileng Sobuthongo kubuchwephesha/buxhakaxhaka balemihla bencokola ngokuceba ukwakha iKholeji yolimo.

Ngokwenene oko babekuceba kuphumelele njengoko ebutsheni balenyanga umasipala ubhengeze ukuba uMphathiswa uGqirha Nzimande kulindeleke ukuba agaleleke eNtabankulu nalapho bezakuphethula isoyi inguye noSobuthongo.

Yimali engange R80 Million ekuthiwa ibekelwe bucula ukuba isetyenziswe xa kusokhiwa isagaba sokuqala sale Kholeji izakuhlohla ezolimo.

Umasipal uthi iKholeji izakwakhiwa edolophini eNtabankulu kwaye kulindeleke ibenkulu kakhulu xa ithelekiswa neezinye iiKholeji zolimo ephondweni.

Ingxelo kamasipala iqhuba ithi umngangatho wale Kholeji izakwakhiwa eNtabankulu uzakuba phezulu kakhulu kwaye iza kuvelisa amakhono aliqela ulungiselela ulutsha.

Amafama wentsangu kuthiwa nawo azakuxhamla kakhulu kule Kholeji yezolimo njengoko kuzakwenziwa icannabis processing plant kwalapha kwizakhiwo zekholeji.

Ukanti abahlali baseNtabankulu nabo kulindeleke ukuba baxhamle kumathuba weemisebenzi xa sele kuqalisa ukwakhiwa kwale Kholeji yezolimo ingaphelanga lenyanga.

Umasipala waseNtabankulu uthe ukwakhiwa kwale Kholeji kuzoba luncedo ingakumbi kuluntu lwaseNtabankulu ekudala lunqwenela ukufumana izakhono kwicala lezolimo.

Kwaye abantu abatsha ngabona kurhulumente afuna uqinisekisa ukuba bayaxhamla kwizifundo zolimo njengoko bengamafama wangomso.

Ukudlula kwesigaba sokuqala sokwakhiwa kwale Kholeji, umasipala uthe kuzokhawuleza kulandele esinje njengoko befuna ikhawuleze inkqubo yokwakhiwa kwayo.