News

Abenkolo kaNtu batshise iibhayibhile

Mthatha

Imvuselelo ebibanjwe kule mpelaveki ngabenkolo kaNtu kwilali yakuTshetshengwane kumzi wakwa Dalmini ivalwe ngokutshiswa kweebhayibhile zabo bebesenazo babe bekwinkolo kaNtu, ngelithi ibhayibhile injongo zayo zingcolile. Le mvuselelo iqale ngocweyo apho bekuphononongwa kufundiswa ngamasiko nezithethe zakwaNtu.

Yintoni inkolo kaNtu, ibhalwephi? Sizibuzile. “Inkolo kaNtu yimontlalo yomntu omnyama, yimilimandlela eyashiywa ngokhokho bethu phambi kokuba sigutyungelwe lishwangusha lokogqunywa zezinye iinkolo. Ayina nkokheli, ayiqajwanga kwaye ayifikanga kuthisizalelwe kuyo. Ewe yayingekho mlonyeni kwangaphambili phaya ngoba kwakungekho mfuneko yakuyibhengeza kalo kububomi ebabuphilwa bungakhuphisani nenye inkolo. Sele siphakama njengoku sikhwa zangayosi yabona okokuba iyasishiya sele kuyimfamlibe,” le yingcaciso kaNobhalawe Nkolo kaNtu phesheya kweNciba uMnu. Mthembeni Mbaleni, uMthembu obhuzubhuzu.

UMthembu lo uthe ngexesha sibuza ngokutshiswa kweebhayibhile nentsingiselo yesenzo eso uphendule wenjenje: “Ibhayibhile, utywala bomlungu, imali kunye nemfundo zizixhobo ezeza nabelungu ukuze basoxuthe ubuthina. Namhlanje ke kuzo buyiselwa kubanini zozizitshovela ke kubuntu bethu utywala bomlungu obafika bapecula isimilo somdaka savusa ubundlobongela.

Ibhayibhile le ize igqunyathelwe ngemfundo zebathi abantu bakowethu bakuzamkela ezizinto bathi baguqukile, ewe baguqukile baflathela ububo nanezi nyanyazabo, ngemfundo bathibaphucukile, impucuko yimpuncuko umntu uphuncukene nobuyena,” uqhubeke watsho uMthembu. Kukwakhuthazwe kakhulu ukuba abantu mababuyele emgqubeni emaxhantini ngoba impilo yomdaka isemaxhantini bememelela iBuya Mbo.