News

Liyaphucuka iSebe lezeMpilo eNtabankulu

Ntabankulu

Abahlali baseNtabankulu eMpuma Koloni bazakuxhamla iinkonzo ezingcono kwiSebe lezeMpilo.

Kulandela emva kokuba urhulumente wephondo eququmbela ulwakhiwo lwesibhedlele esibizwa Sipetu Hospital eNtabankulu.

Kwiveki egqithileyo uSodolophu waseNtabankulu, uTsileng Sobuthongo ekunye nekomiti yakhe bebetyelele kwisibhedlele sase Sipetu beyokujonga umsebenzi osele wenziwe.

Ngokwengxelo kaSobuthongo, umsebenzi wokwakhiwa kwesibhedlele ugqityiwe kwaye sele kufakelwe neezixhobo zokusebenza oogqirha namanesi ngaphakathi.

USobuthongo uthe kwiveki ezine ezilandelayo unokontraka uzakuba eqinisekisa ukuba yonke into yenziwe ngendlela efanelekileyo ngaphambi kokuba kunikezelwe ngesibhedlele ebahlalini.

Uqhube wathi esi sibhedlele sase Sipetu sokhiwe sakumngangatho ophezulu kwaye lonto iyabonakalisa ukuba nabahlali mabalindele ukufumana uncedo olukumngangatho oxhomileyo.

USobuthongo uvalelise ngelithi, wonke umntu waseNtabankulu ongafikeleliyo kwizibhedlele zabucala uza kufumana uncedo aludingayo eSipetu Hospital.

Kungekudala urhulumente waseMpuma Koloni kulindeleke ukuba anikezele ngesi sibhedlele sase Sipetu kubahlali baseNtabankulu.