News

Kothulwe uhlobo olutsha lokupaka eMthatha 

22 EyeThupha (Aug) – 28 EyeThupha (Aug) 2024

Monwabisi Khininda

Umasipala waseKSD uthi ukuqalwa kwenkqubo yokupaka izithuthi ebhatalelwayo kwizitalato zaseMthatha kukusabela kwizikhalazo zabantu ngokuxinana kwezithuthi ukungalawuleki, nokuqoqa izitalato. Ukuqala ngoLwesithathu weveki ephelileyo kwizitalato eziquka iMadeira, Owen neYork Road kuyabhatalwa ukupaka kuzo.Ngemizuzu eyi-30 uzohlawula i-R5 loogama ngeyure uzohlawula i-R15.

Nangona kunjalo kodwa umasipala uzalele endle ngexabiso lalenkqubo.Ukanti nenkampani eyenza le nkqubo ithe yabhibhidla amazinyo ngexabiso lemali echithiweyo ukuze kuphehlelelwe le nkqubo. Usodolophu walomasipala uNyaniso Nelani ngethuba ethetha neentatheli uthe ngaphambi kokuqala le nkqubo bavule iingxoxo kumaqonga ohlukeneyo aquka oonomathotholo,amaphephandaba njalo njalo kwafakwa izimvo ngabantu. Idolophu yaseMthatha ijongene nomngeni wokungabikho kwendawo zokumisa zabantu abaphila nenkubazeko.

“Le inkqubo isavavanywa iminyaka emithathu.Sizama ukukhawulelana nabantu bonke base-KSD. Siyaqonda ukuba usemkhulu umsebenzi ekusafuneka wenziwe,” kutsho usodolophu uNelani. Usodolophu uqhube wathi bayivulile iminyango ukwamkela iingcebiso ngalenkqubo kodwa bazosebenzisa isihluzo ukuzihluza izimvo. Le nkqubo kulindeleke ifake ingeniso yemali kumasipala iphinde ithibaze abamisa izithuthi zabo ixesha elide edolophini.

Ngokutsho kwenkampani elawula le nkqubo yokupaka iQuick Park Africa iyasetyenziswa eKapa, eZambia naseAngola. Le nkampani ithi amaxabiso akekho phezulu engekho sezantsi kanjalo ukunqanda ukungathotyelwa kwayo, kwaye abophula umthetho bazodibana neembila zithutha.