Local

Siphanzile kwakhona isicelo sebheyile samalungu e-PACTOA

Mthatha

Ase zobhadla emjiva amadoda amathathu angamalungu ombutho wabahlalii-PACTOA, atyholwa ngokurhwaphiliza imali yezakhiwo zikarhulumente kwidolophu yaseMthatha. La madoda mathathu atyholwa ngokuba ngongqondo-ngqondo ekuxhwileni ngondlela mnyama kwezakhiwo zikarhulumente. Abarhanelwa bavele enkundleni ephakamileyo eMthatha, ngoLwesine ngeliyofaka isicelo sebheyile.

La madoda ngamalungu ombutho wabahlali owaziwa ngokuba yiPACTOA (Public Assets Community Based Tenants and Owners Association). Abarhanelwa nguSicelo Nkqayi (49), Zamikhaya Songca (39), noBongani Cikolo (43) batyholwa ngokuthimba izakhiwo eziliqela zequmrhuli karhulumente u-ECDC (Eastern Cape Development Cooperation) barhwaphilize imali. Bajongene netyala lobuqhophololo nobusela. Kuvakala ukuba lamalungu ayeqokelela imali yerenti yabantu abahlala kuzo ezizizigidi zerandi bayifake kwiipokotho zabo. Babanjwa ngooKhetshe ngomhla we-10 Oktobha 2022.

Ngokwengxelo yeHawks iqumrhulakwa-ECDC lalahlekelwa yimali elinganiselwa kwi-R40 yezigidi kwelibholo lokuthathwa ngondlela mnyama kwezakhiwo zikarhulumente. Isithethi seGunyabantu loTshuthsiso uLuxolo Tyali uthi inkundla yamatyala esezantsi yaseMthatha yasikhaba isicelo sebheyile sabarhanelwa ngomhla we-13 Disemba 2022.

UTyali uthe abarhanelwa babhenele kwinkundla ephakamileyo ngeliyofaka isibheno nalapho sakhatywa isibheno sokuphuma ngebheyile. “Igqwetha lombuso u-Advocate Thenjwa Sellemu kwazile ukucela inkundla ukuba iqinisekise isigqibo senkundla yamatyala yakwaMantyi siyagcinwa. Inkundla ephamaileyo ingqinile ukuba umbuso unetyala eliluqilima ngakubarhanelwa kwaye basengaphinda baqhube nokwaphula umthetho,” kucacisa uTyali.

Ingxelo idize ukuba ngethuba kuqhuba ibheyile, abarhanelwa bajikele zise imiyalezo kaWhats’App ngethuba beseluvalelweni, beyalela abantu abarenta kwezizindlu ukuba baqhube behlwawula imali kubo ukuze bahlawule iindleko zamagqwetha. Ityala limiselwe umhla we-28 kuTshazimpuzi.