Izakhiwa ibhulurho Ntabankulu
Mnquma
Kubonakala sizokuphenduleka isikhalo sabahlali bakwaWadi 19 kwindawo yaseMabofu eNtabankulu sokufuna indlela esemngangathweni kunye nebhulurho kumasipala wabo.
Kwiveki ephelileyo ikomiti kaSodolophu waseNtabankulu nesigqeba samagosa kamasipala baye babamba intlanganiso nabahlali bendawo iMabofu.
Injongo zale ndibano ibikuxelela abahlali baseMabofu ukuba ezi projekthi zokwenziwa kwendlela nebhulurho kulindeleke ukuba ziqale nini ukwenziwa.
Olilungu le komiti ka sodolophu uCeba, Siyabonga Menziwa uthe njengokuba umasipala uzokuqalisa ukwenza indlela nebhulurho eMabofu, abahlali funeka bayazi into yokuba ibalulekile intsebenziswano yabo xa kuqhutywa lomsebenzi.
“Kubalulekile xa ningaba hlali okokuba nincedisane no rhulumente kulento ino phuhliso ukuze urhulumente akwazi ukulungisa apho asilela khona nalapho abahlali bengaqondi khona”, kutsho uMenziwa.
Ilali yase Mabofu kulindeleke ukuba yokhelwe indlela ne bhulorho kulo nyaka mali uqala ngoJulayi walonyaka.
Abahlali belali bebephume ngobuninzi kuquka nolutsha bezokuzimasa indibano nomasipala njengoko befuna uphuhliso kwindawo yabo.
IMabofu bekundala icela urhulumente ukuba anganelele kwicala lokwakhelwa indlela nebhulurho ngoku kuyabonakal ukuba isicelo sabo sizakuphenduleka.
Ukuqalisa ulwakhiwo lweeziprojekthi lonto izakuthi ivelise namathuba weemisebenzi.
Abahlali bavakalise uchulumanco lelinyathelo lika masipala kwaye banethemba lokuba uzakuphela unyaka benendlela esemngangathweni nebhulurho.


