Babanjiwe abantu abonakalisa izisekelo zokuhambisa amanzi
13 EyoMbumba (Feb) 2025 – 26 EyoMbumba (Feb) 2025
Intatheli: Monwabisi Khininda
Kubanjwe abantu abane ngezityholo zokonakalisa izisekelo zokuhambisa amanzi kwisithili iChris Hani eMpuma Kapa. Oku kulandela ukonakaliswa kwamatanki ahambisa amanzi kwilokishi yaseZibeleni. La matanki ibiyinxalenye yongenelelo lukamasipala kwingxaki yokungabikho kwamanzi kuKomani.Ingxaki yamanzi ilandela ukwehla komyinge wamanzi kwidama iBonkolo.
Othethela umasipala uBulelwa Ganyaza uthi umasipala uyakwamkela ukubanjwa kwabasolwa. “Aba bantu babanjiweyo batyholwa ngokonakalisa imibhobho ehambisa amanzi bekwathintela nabaqhubi bezigadla ebezisisa amanzi kwindawo iUnathi Mkefa. Singumasipala siyawancoma amapolisa ngokukhawuleza anqakule abasolwa kulomkhuba. Sincoma intsebenziswano phakathi kwabahlali namapolisa nanjengoko ezi izingxaki esihlangabezana nazo imihla nezolo.”

