Local

Urhulumente ulumkise abazali ngokufihla izigulo kubakhwetha

27 April 2023 – Monwabisi Khininda

Mpuma Kapa

“Inkwenkwe eya entabeni mayihambe neepilisi zayo namayeza ukunqanda ukubulawa zizigulo ezifanane swekile nezinye”. Oku kuthethwe nguMphathiswa weSebe loLawulo Ngentsebenziswano neMicimbi yeMveli eMpuma Kapa uZolile Williams. UWilliams ebethetha kwi-Imbizo yolwaluko ebibanjelwe kwaMbange eNgqeleni ngoLwesihlanu.

Iinjongo zale Mbizo ibikukushukuxa amaqhinga okunqanda ukubhubha kwabakhwetha kummandla wase-O.R Tambo. Alishumi amakhwenkwe abhubhele esuthwini kule ngingqi ekupheleni konyaka ophelileyo. “Inkwenkwe mayinyangwe izigulo ngaphambi kokuba iye entabeni. Umntwana makasoloko esiya kuGqirha ukuyohlola impilo yakhe angalindi kude kufike ixesha lokwaluka. Isiko alibulali kubulala izigulo abangenanazo kwaye sanufaka abantu abangalithandiyo eli siko lokwaluka,” kucacisa uWilliams.

Uxelele abantu ababezimasile ukuba ibhuma ayondawo yokunxilela, yindawo yokufundisa nokuqoqwa kwezimilo. USiya Ndesi wenkampani engenzinzuzo ISONGE SOCIAL CHANGE uthe: “Ingxaki urhulumente akakwazi kuzinza kwinkqubo zakhe zokulwa ukubhubha kwabakhwetha.“ Isebe malibuye emva liyojonga izindululo zeminyaka egqithileyo ngalo mba. Amaqela ajongene nolwaluko abotshwe izandla nenyawo akakwazi kohlwaya abophulimthetho abamosha isiko. Oomasipala abanayo imithetho ejongene neli siko.”

USodolophu waseNyandeni uViwe Ndamase uthe ukukhangela iingcibi ezingekhomthethweni luxanduva lwabazal ihayi urhulumente. Ukhuthaze iintsapho ukuba ziqinisekise ukuba ziyazazi ingcibi ezolusa abantwana bazo. Phakathi kwabo bebezimasile baquka iiNkosi, ulutsha, amaSsbe karhulumente nabanye.