Community

Ufihlwe ngembeko enkulu uPhindiwe Sam

27 April 2023 – Intatheli ka Dizindaba

Khayelitsha

Umzi welokishi yaseGuguletu ingakumbi eNY148 kunye neMakhaya phaya eKhayelitsha ubonakale uphantsi kwenkulu intlungu emva kokushiywa ngumama uPhindiwe Sam, uMambathane. Umama uPhindiwe uzalwa ngubawo uGontsana nowaziwa kakhulu phaya kuma Hala nama Gcina eLady Frere.

Umama uMambathane lo uye wasishiya emva kwengulo emfutshane elandela umyeni wakhe owathi wasweleka kwi minyaka engaphambili.  Uphindiwe ushiya ngasemva abantakwabo uMalusi kunye noMxolisi kunye nomzukulwana kuba besele engasekho amakhwenkwana akhe amathathu.  Inkonzo yomngcwabo ka Phindiwe ibiphethwe nguMfundisi uSkepe nombutho wasekuhlaleni, iXakatho.