CommunityLocalNews

Kuqhume irhuluwa kwizitalato zaseMthatha

21 May 2023 – Monwabisi Khininda

Mthatha

Izitshovutshovu, oophuma-silwe nezigilamkhuba zaseMthatha nebezixhobe zife amacala, zivuke ngonyezi ngoLwesithathu, ngelilungiselela ukuxhomisa isithuthi semali. Aba nqevu baye baxhomisa isithuthi senkampani yoonogada bemali i-G4S kufuphi nodederhu lweevenkile eCircle Spar ekwisitalato iElliot neYork Road.

Koloxhonyiso kudutyulwe konzakala unqevu wamnye oye  wabhubhela esibhedlele. Abahlali baqhwabele izandla igorha lepolisa lasejele elithe lazijula ijacu linganxibanga nalomakufanwe ngokuthi lizenze idini lizama ukulamla loo mbhodamo obusenzeka apho. Abaxhomisi bazame ukuxhomisa inqwelomafutha eluhlobo lakwa Mercedes Benz kwixhego ebelizihambela kodwa imigudu namatile-tile wokoxutha le nqwelo aphanza.

Amapolisa akwazile ukuyibamba le miguvela nemali engachazwanga yafymaneka. UMthatha uthande ukuba ngundabamlonyeni kutsha,ngenxa yoziganeko zobugewu ezithande ukuxhaphaka kuba kwiveki ephelileyo iinjubaqa ezine zizame ukuxhomisa ivenkile yenyama yakwaHungry Lion kwisitalato iMadeira, kumganyana ongekude kuyaphi nale ndawo abanqevu bebexhomisa kuyo yaseSekileneni. Le miguvela kulindeleke ukuba ivele kwinkundla yamatyala kaMantyi eMthatha kule veki, ejamelana nezityholo zokuzama ukubulala nokuxhomisa kuxhotyiwe.