CommunityCrime & SafetyNews

Indoda idlwengule iibhokhwe

29 June 2023 – Monwabisi Khininda

Mt Fletcher

Indoda yaseZingcuka eTlokoeng (Mt Fletcher) idlwengule iibhokhwe ezine nekati yakugqiba yazibulala zonke. Kutyholwa ngelokuba le ndoda idlwengule ezibhokhwe nezichazwe njenge zikamakhelwane kuquka nekati ekuyeyakhe yaza yazitshisa zafa. Lo mkhuba kuthiwe ubhaqwe ngabafana belali abebezidlulela ecaleni komzi baza bahlaba umkhosi bebiza abantu belali.

Kuthiwa ubethwe kakhulu ngabahlali ingakumbi amanina de wavuma ukuba ngenene uzidlwengule. Kugaleleke amapolisa ezothatha umsolwa.Sibhala elinqaku nje kuvakala ukuba useseluvalelweni lwamapolisa eTlokoeng.

USibonda welali uMotoeti Letele ukungqinile oku: “Ndingakungqina ukufumaneka kwebhokhwe ezine nekati sele zifile endlini yayo le ndoda. Endingenawukwazi ukuyingqina ngumdlwengulo lo,” utshilo uLetele. Uhambise wathi le ndoda ivume ngokwayo ukuba izidlwengule ezibhokhwe nekati emva kokubethwa kanobom ngamanina. Xa sijonga sifumanise ukuba ezi bhokhwe zibulewe ngumsi nanjengoko le ndoda ibizibasele umlilo ubusuku bonke endlini,” ugqibezele ngelitshoyo uSibonnda.