Uncategorized

 Sibuya nembasa isikolo sase Cefane eNgcobo

29 June 2023 – Yonela Mpaka

ENgcobo

Isikolo samabanga aphantsi iChefane eNgcobo siphehlelela ngokusesikweni ukwenziwa kwe Art. Esisikolo siphantsi kwenqununu uLwazi Mditshwa. Kusemva kweminyaka ingumnqweno wokuba isikolo esi sikuqhube oku kuveliswe izinto ezenziwe ngezandla nezo abafundi bagqame kuzo ezifana nomculo nemidlalo yeqonga.

Ulwazi Mditshwa uthi iphupha lakhe lide lafezeka kuba kudala efuna isikolo ukuba sijonge kakhulu kumsebenzi wezandla “Ndiziva ndonwabile kuba sinendidi ngendidi zezinto eziveliswayo nezifaka imali kubantwana besikolo ukuze bagoduke bephethe, sinabo omama abathungayo nasele ngoku bethungela abantu abaphezulu, sikhuthaza ukuba ngoku makufundwe kwenziwa kuba sinomceli mngeni wabantwana abafundayo bade bayogqiba bengenaso isakhono zokuzenzela imali, sifuna ukuphungula lento yentswelangqesho ekubonakala ifuna ukulawula, sicela abo sele bengenile kwinto ye art kwesisikolo bangayeki sikwahlaba ikhwelo nakubazali ukuba babaxhase abantwana babo,” utshilo uMditshwa.

Isikolo esi sibuye nembasa kumdlalo weqonga ububanjelwe eRhawutini. Abo bathungayo kwilali le nabo banoxanduva lokufundisa abo banqwenela ukuziphuhlisa. Umama uNozipho Sodayisi nothungayo uthi iphupha labo lokuba isikolo esi masivelise izinto zezandla lifezekile bakuxhasa kakhulu oku bafuna wonke umntu angakhali ngendlala nabantwana abasakhulayo bakwazi ukuzenzela ngokunokwabo.”

Sithi huntshu kuJola kuba kudala efuba oku kwenzeke nangoku isikolo siyaqhuba sigqwesile nasemculweni, sizakumxhasa kuyoyonke into kuba sifuna ukuphelisa lento yabantu abathwala izidanga gqiba bangabinanto yakwenza, sithi wonkumntu makabhinqe omfutshane sikhulise isikolo sase Chefane sibeyilento kudala siyifuna,” utshilo umama uSodayisi. Abo baqhuba kakuhle kwisikolo nabazititshala bathe banikezwa imbasa yinqununu yesikolo uMditshwa.