CommunityLocalNews

Ulutsha olusebenzisa iziyobisi lufumana unyango

13 EyeKhala 2023 – Monwabisi Khininda

EMTHATHA

Umceli mngeni wokusetyenziswa kweziyobisi unwenwa okomlilo wedobo kwilizwe jikelele.Lidungamzi eliqhekeza amakhaya, lalumla abantwana konini lwazisa uloyiko nonxunguphalo ekuhlaleni. Into ebuhlungu alinasini silukhethayo ngugalelebhayini wena ntombazana wena nkwenkwe.

Isebe lezoPhuhliso Loluntu eMthatha kwiveki ephelileyo lithumele abantu abatsha abangamakhulu amabini (200) kwindawo yoluleko iSizabantu nezinze kwindawo yaseKranskop ngaphaya kweStenga kwiphondo iKwaZulu Natal. “Ngosuku kuyafika abazali noba bapha kumashumi amabini bephethe abantwana abasebenzisa iziyobisi. Silwenzela uncedo ngokuthi sihlale phantsi nabo bambi bayakwazi ukuguquka njengokuba sithetha nabo sive nentsusa yokusebenzisa iziyobisi zeke abo babonakalayo uba selebedlulile kwinqanaba lokuthetha qha sibathumele kwaSizabantu ukuyofumana ulwaluleko oluthe vetshe,” kutsho uMthetheleli Nkuphiso nosebenzela icandelo elijongene nokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi.

Le yaseSizabantu kuvakala ukuba yindawo efelefele nanjengoko abanye abazali bangakwazi ukukhupha imali kwindawo ezibhatalisayo. “Abantu bakwaSizabantu ngaba bavelisa lamanzi abizwa iAquelle bathi ke bathathe inzuzo yawo bayisebenzise ukuhlangula abantwana abakwiziyobisi. “Sibakhwelisile namhlanje abangamakhulu amabini. Amashumi amahlanu amantombazana afundayo namashumi amahlanu, amashumi amantombazana angafundiyo, amashumi amahlanu amakhwenkwe afundayo kunye namashumi amakhwenkwe angafundiyo. Bazakuthi bahlale inyanga yonke. Asiqali ke sihlala sisenza kanje kwaye babuya bencedakele,”kutsho uNkuphiso. Ephendula umbuzo othi igaba abathi baphinde babuyele na abasebenzisi beziyobisi kwiziyobisi sele besuka kolo luleko. UMnu. Nkuphiso uyidandalazisile inyani ethi eneneni kuyenzeka ukuba ihafu yabo ibuyele kwiziyobisi baphinde bayihoye ebalula ke ukunqaba kwentsebenziswano phakathi koluntu, amakhaya kunye nabo.

“Baye bathi bayaboyika ngenxa yezinto abebezenza phambi kokuba bayokolulekwa. Bambi sukube amakhaya sele engasavisisani konke konke,” ucacise ngelo uNkuphiso. Uyivezile nento yokunqongophala kwabasebenzi nanjengoko umthamo lo umkhulu namanani esonyuka usuku nosuku.