Ayaveliswa amathuba okuxhotyiswa kolutsha ngoshishino
13 EyeKhala 2023 – Anele Raziya
EGCUWA
Ulutsha lwaseMnquma eGcuwa libonakala linekamva eliqaqambileyo kwicala lokusungula iinkampani okanye ookopolotyeni abavelisa izinto ezahlukeneyo ekuhlaleni.
Konke kuvele ngexesha umasipala waseMnquma ebekhe wafumana ithuba lokuphefumlela nabantu abatsha abaziqhubela amashishini wabo ekuhlaleni ngenjongo zokugxotha idlala nokuzivelisela amathuba weemisebenzi.
Ngexesha uSodolophu waseMnquma, uTunyiswa Manxila-Nkamisa noManejala woMasipala, uSilumko Mahlalsela ebekunye nolutsha kwiholo yedolophu yaseGcuwa kutsha nje, kuye kwabonakala ukuba ulutsha lwaseGcuwa, Ngqamakwe nakuCentane, ngabantu abanezakhono ezahlukileyo kwaye ezinogalelo kuqoqosho.
Kwindawo yaseNgqamakhwe kukho ookopolotyeni ababizwa ngokuba Ulutsha Lendalo kwaye batyale iihekthari zomhlaba ezilishumi elinesihlanu (15).
Kulo mhlaba, Ulutsha Lendalo luvelisa intlobo-ntlobo zemifuno (vegetables) kwaye bathengisela iivenkile ezifana noSpar & Spargs Grocery Supermarkets, Ngumbela Fruit and Vegetables eGcuwa.
Abo ngabona bathengi babo eGcuwa kwaye uSodolophu waseMnquma, uManxila-Nkamisa ubakhuthaza kakhulu abantu batsha ukuba baqhubele phambili ngalo kopolotyeni wabo.
Ethetha nolutsha, uManxila-Nkamisa ucele wonke umntu omtsha waseMnquma ukuba asebenzise isakhono anaso nokuba sesolimo, ukuthunga okanye ufuya imfuyo ukuze afumane indlela yokuziphilisa ebomini.
Uthe bengumasipala basoloko bebaxhasa ookopolotyeni ekuhlaleni ngenjongo zokuqinisekisa ukuba amaphupha wabantu ayafezekiseka.
Amaxesha amaninzi uMnquma uye abathengele izixhobo abazidingayo zokusebenza ookopolotyeni kwaye aqinisekisa ukuba ubancedisa nakwicala loqeqesho ngomsebenzi xa kudingeka njalo.
Maxesha wambi, uMnquma usoloko ebambisene namasebe afana nelezolimo, elijongene nokuphuhliso kwentlalo yoluntu kunye namanye ukuqinisekisa ukuba amafama, oosomashishini abasakhulayo bayayifumana inkxaso abayidingayo.
I-arhente ezifana noSEDA, NYDA neYouth Forum nayo beziyinxalenye yalo msitho ububanjwe ngumasipala nabantu abatsha.
Ookopolotyeni ebebeqabele kwisine (4) nebebephuma kwindawo ezahlukeneyo eMnquma nabo bebeyinxalenye yalo msitho.
Ukuthi gqolo kolutsha lwaseMnquma liziphuhlisa kumacandelo awohlekeneyo lonto inika ithuba uqoqosho lwasekuhlaleni ukuba likhule nangakumbi kwaye kuvele namathuba weemisebenzi.


