Ubanjiwe omnye woonqevu abebegqugqise eFort Gale
08 ISilimela 2023 – Monwabisi Khininda
Fort Gale
Ungaphaya kwezitshixo omnye weqela loonqevu abaxhwila izipaji neemfonomfono zesandla zabantu kwizitalato zaseFort Gale, eMthatha. Umrhanelwa ubanjwe ngoLwesibini ngamapolisa aseMthatha, nalapho kuthinjwe nesithuthi ebesisetyenziswa kwiziganeko zokuxhonyiswa kwabantu emini lihlabe umhlaba eFort Gale.
Ngokweevidiyo ezityhutyha amaqonga onxibelelwano asekuhlaleni le migulukudu ibizula zula ngeemoto kwizitalato nezinye iindawo zalapha eFort Gale, bekhangela amaxhoba ikakhulu abantu basetyhini. Ebesithi umntu ezihambela kuvele kumise imoto ecaleni kwakhe. Athi esajonge leyo kuphume iqela labafana londe ngaye,bamthathele ngenkani loonto ayiphetheyo bagqibe bakhwele emotweni banyamalale.
Omnye wabahlali baseFort Gale, uGqirha Andile Nontso,nongusomashishini owaziwayo eMthatha, uzamkele ngochulumanco iindaba zokubanjwa kwalo mrhanelwa. UGqirha Nontso uthe nangona ezi ziganeko bezisenzeka ngaphambili,zisuke zathatha olunye unyawo kulo nyaka sikuwo. “Ngokwengxelo esizifumene kwiqumrhu loosomashishini baseMthatha iKing Sabata Dalindyebo Chamber of Business, le nto yenzeka kwindawo zonke zalapha eMthatha, kodwa isuke yondela kakhulu kulo nyaka,”utshilo uGqirha Nontso. “Uluntu lwaseFort Gale luphantsi konxunguphalo olumandla, ingakumbi abasetyhini nabantwana. Amadoda ahlala exhobile ngoku, ngelizama ukukhusela amakhaya. Kucacile ukuba indawo yethu iphantsi kohlaselo yile miguvela yoonqevu.
“Thina boosomashishini noluntu ngokubanzi senze isicelo kwinkonzo yesipolisa nakwiinkampani zokhuseleko ukuba kwenziwe iiPatrols apha ekuhlaleni. Senze namatiletile okuba kuqiniswe iikomiti zabahlali kwisitalato ngasinye, kwaye kubekho abantu abaziwayo abasoloko bebeke iliso apha ezitalatweni nasemizini.” UNontso ulebele ngelithi abo banakho ukufaka iikhamera,iialarms emizini yabo, kwakunye nepanic buttons neempempe mabaqinisekise ukuba benza njalo.
Ngokutsho kukaSajini Khaya Matola, nonguSomlomo wamapolisa aseMthatha umrhanelwa kulindeleke ukuba avele enkundleni kaMantyi kule veki. “Uphando lusaqhuba kwaye kulindeleke ukuba kunqakulwe kuvalelwe nabanye abarhanelwa kungekudala, ngokunxulumene nezi ziganeko,” utshilo uMatola.
