Umzukulwana ubulele oomakhulu
13 EyeKhala 2023 – Intatheli kaDizindaba
EKEISKAMMAHOEK
Uluntu lwase Mpuma Koloni lothuswe ngumhlola wokubulawa oomakhulu ngumzukulwana onama 28 eminyaka nekukrokrelwa okokuba ubephantsi kwee mpembelelo zeziyobisi.
Abasemfuthweni wolwazi bathi lo mfana wenze lo mhlola kwilali yase Cata nalapho aye wawaxhaxha lamaxhoba akhe.
Kuvakala okokuba yena uninakhulu uxhaxhwe ngezembe ngethuba elele nomzukulwana oneminyaka emithathu.
Kuthiwa nangona ebesaziwa njengomfana othuleyo nontentlonipho kodwa ebetyholwa ngokusebenzisa iziyobisi.
Abasemfuthweni wolwazi bathi le ndawo yakuQobo Qobo yaziwa kakhulu ngokuba nabathengisi beziyobisi abazilanda kuma Nigeria aphaya eCentral eBhayi.
Kuthiwa emveni kokuba wabanjwa lo mfana kusalindelwe oyena nobangela wokuba lo mfana enze esi senzo.

