Crime & Safety

Kukho imizimba engaziwayo emkhenkceni

Yintatheli yeKhwezi

Amapolisa aseMthatha abongoza abantu abalahlekwa zizihlobo zabo ukuba bayofanisa imizimba eyacholwa kwiindawo ezahlukeneyo kwisithili sase-OR Tambo eMpuma Kapa.Umntu onomdla uyacelwa ukuba aqhagamshelane nabecuphi baseMthatha Central kwisakhiwo iOld Savoy kufuphi nase-PRD.Le mizimba igcinwe kumzi ogcina izidumbu karhulumente eMthatha.Isithethi samapolisa uCaptain Welile Matyolo uthi le mizimba engaziwayo ifunyenwe kwiindawo eziquka uMthatha,iMqanduli,iNgqeleni,iLibode,iBhityi naseKwaaiman eMqanduli.Eminye yalemizimba ineminyaka emibini igcinwe emkhenkceni.

Ngeenkcukacha ezithe vetshe ungaqhakamshelana nabecuphi kwezi nombolo zilandelayo:-

-Colonel Mantyi-0827797122

-Colonel Miya-0825809337

-Lieutenant Colonel Ndzamela -0824420743.