CommunityLocalNews

‘Impilo phambili ebantwini

10 August 2023 – Yonela Mpaka

ENGCOBO

Isibhedlele sase Allsaints phantsi komasipala iDr AB Xuma sizakuthi siphuculwe ngokutsha. Umphathiswa wesebe lezempilo umama uNomakhosazana Meth ebetyelele kwisibhedlele eyonikeza ngonokhontracki ozakuthi aphucule umgangatho waso. Isibhedlele esi sesona sinceda ilali ezininzi zase Ngcobo nanjengoko singekudanga kakhulu kunedolophu le.

Umphathiswa uMeth uthi ukuphuculwa kwamaziko empilo kokona bafuna kwenzowe ukuze abantu bangalambathi xa befuna uncedo. “Sifuna izibhedlele zethu ziyeke lento yokumane kusithwa kushota into ethile akukho mayeza, zingubo, akukho kutya amagumbi okulala ayashota sifuna ngoku wonke umntu azive emnkelekile xengena kwiziko lempilo ayazi uzakuphila, sikhuthaza ukuba wonke umntu makabesempilweni kungabikho loyiko xa uzakuya esibhedlele, sisitsho nakumanesi ukuba mawazikhathalele izigulane abantu baphume bonelisekile,” utshilo uMeth. Umasipala wase Dr AB Xuma ukuvuyele kakhulu oku xakukho uphuhliso oluzakuthi lwenziwe.

Usodolophu womasipala USiyabulela Zangqa udlulise amazwi ombulelo kakhulu esithi amathuba anje bawafuna kakhulu kuba xa kuphuculwa izibhedlele kubonakaliswa ukuba abantu bakhathalelwe.”Sifuna nabantu abazakuthi basebenze kwisibhedlele esi ibengabo bawaziyo umsebenzi enzele kungathwa into esele yenziwe ihlale nje  ixesha elincinci ibesele iphinde yonakala, sifuna abantu bayazi impilo yabo ibekwa kuqala. siyaqinisekisa ukuba umsebenzi uzakuhamba kakuhle, “utshilo u Zangqa. Isibhedlele sase Allsaints sizakuthi sivule  amathuna emisebenzi kuba kulindeleke xa sele kuphuculwa isibhedlele esi ulutsha lube luyaxhamla.