LocalNews

Usonjululwe umba ka-NSFAS e-WSU

24 August 2023 – Monwabisi Khininda

EMTHATHA

Abafundi baseWalter Sisulu University kwiziko eliseNelson Mandela Drive, eMthatha, ngoLwesihlanu balunqumamisile uqhankqalazo. Ngokwengxelo isigqibo sokuba lunqunyaniswe olu qhankqalazo siphume kwintlanganiso yabafundi abebeyibambe kwinjikalanga yangoLwesithathu. Kufumaniseke ukuba abafundi bayoneliseka ziimpendulo abazifumene kubalawuli beliziko nangona bengekaphenduleki ngokupheleleyo kwizinyanzeliso zabo ezitsha.

UMuzi Ntlabathi olilungu lesigqeba esikhokheleyo kwiSRC ungqinile ukuba ngenene balunqumamisile uqhankqalazo nanjengo belindele ukufika kwephiko elitsha elisebenzisana noNSFAS,elizofika kuleveki, liphinde lihlale nabo kwisithebe sengxoxo. Othethela i-WSU uYonela Thukwayo ucacise wathi: “Nathi ayikhange isiphathe kakuhle indlela enze ngayo u-NSFAS kuba sinabafundi abangaphezu kwama-70% abaxhamla isibonelelo sika-NSFAS kodwa siyonwaba xa isombululekile le nyewe.”

Uhambise wathi: “Lusaqhuba uthethathethwano lwethu neenkokheli ezimele abafundi kwaye sisabona ngasonye kwimeko yezinyanzeliso zabo,kodwa kuzobanzima ukuba sithethe into evanayo malunga nezinyanzeliso zabo ezitsha kuba bafuna livulwe ubusuku nemini iziko lonyango laphaya esikolweni bekwafuna inqwelo yezigulane (ambulance) ezohlala ikhona imini nobusuku. Sisabonisana nabo, siyazama ukubachazela ukuba asinokwazi ukwenza zonke ezo zinto kuba nathi iinkonzo zonyango aziqhutywa kwesasikolo,sincedwa sisibhedlele sikarhulumente,” ulebele ngelithi: ”Azikhange zime izifundo siziqhuba ngobuxhakaxhaka balemihla (online) kwaye asikhange sibenengxaki.”