Urhulumente ungenelele ukuncedisa iindlela yezindlu ezonakalayo eNgqushwa
14 EyoMsintsi 2023 – Anele Raziya
ENGQUSHWA
Emva kokuba iindawo eziliqela eNgqushwa zathi zachaphazeleka kwimvula neemimoya ebhundlayo eyashiya iindlela zimoshakele ngenxa yokhukhuliseko ngamanzi.
USodolophu waseNgqushwa, uSanga Maneli waye wafaka ingxelo kurhulumente weli malunga nomonakalo owabangelwa zezimvula.
Urhulumente wephondo waye wathembisa ngelithi uzakubuyela kumasipala waseNgqushwa uchaze ukuba uzakuncedisa njani kule ntlekele yehlayo.
Ngenene kwiveki ephelileyo uSanga uye wabamba indibano nabahlali belali ezingaphantsi koWadi 1 nalapho ebechaza ngemali abayinikwe ngurhulumente ukuba balungise iindlela ezamoshakalayo ngenxa yemvula.
Abahlali belali zakwa Wadi 1 eziquka ilali iNgqwele, Mtati kunye neelali zakwa Wadi 3 eziquka ilali iTorr neGcinisa North, Maneli uzichazele ukuba ikhona imali abafumeneyo bengumasipala ukulungisa iindlela.
Uthe kungekudala kuzoqaliswa ukuhlaziywa kweendlela ezathi zonakaliswa ziimvula.
Umasipala wabelwe isixa-mali lisebe u COGTA kwingxowa ye Disaster ukuhlaziya iindlela kwezi lali zichaphazelekileyo.
Isixa-mali esabelwe iilali zakwaWadi 1 zizonke yi R3 195 010.00. Zintandathu ilali ezinendlela eziza kulungiswa kule Wadi.
Isixa-mali esabelwe iilali ezimbini zakwa Wadi 3 yi R2 103 172.76.
Abantu abahlanu ukuya kwisithandathu bokuhlala kwezilali zonke bazakufumana ingqesho yethutyana. Umsebenzi uza kuthabatha iinyanga ezi ntathu kwilali nganye ukuwugqiba uwenza. Iindawo eziza kuthi zilungiswe kwezilali zezona zonakaliswe kakhulu zimvula.
Oonokontraka nabo bebeyinxalenye yalendibano kwaye kungekudala kulindeleke kuqalise ukwenziwa kweendlela zaseNgqushwa.

