Crime & SafetyLocalNews

Bazibuzele kangangoko abahlali kwiMbizo Ka IPID

28 EyoMsintsi 2023 – Yonela Mpaka

MTHATHA

Icandelo lika IPID (Indepent Police Investigate directorate) belityelele kumasipala wase Dr Ab Xuma lizokubamba iMbizo. Amapolisa asuka kwindawo ngendawo amasebe karhulumente kwakunye nabahlali bakuthakazelele kakhulu oku kuba ithuba lokubuza imibuzo belivuliwe. Imbizo le ibiqala ukubakho ingakumbi ekhwetywe lelicandelo elijongene ngqo nokuqinisekisa ukuba nabo bomthetho abawophuli umthetho abawanyhashi amalungelo abantu. Iziganeko zabo bangamapolisa nababonakalisa ubundlongondlongo ebantwini zivele kakhulu ngethuba kuqhuba lembizo.

U Major General Adolf ebeyinxalenye yale Mbizo nathethe nabahlali esithi mabangoyiki ukuthetha xa sube befumene ukungaphatheki kakuhle kwisipolisa. Amapolisa sifuna ibengabakhuseli babantu iziganeko zokuziphatha gwengxa asizamnkeli tu kwaphela,sifuna abantu bayazi likhona igwiba lobalekela u IPID akakhethi kwa polisa uba lenze okubi lithatha inxaxheba, siyafuna nokhuthaza ukuba ebantwini xa iMbizo zibizwa mabasabele kangangoko banako kuba sube sifuna khesimamele kubo sokwazi ukulungisa apho senza kakubi khona ,” utshilo u Major General Dolf Adolf.

Abahlali bathethe bophela befaka izikhalo abanazo .Utata uThembinkosi Butshingi nokumbutho we Sanco nongumbutho wabahlali uthi bayaqala ngqa ukulibona elicandelo lakwa Ipid lizosabela kubo ntoleyo ebenza bavuye kakhulu, uthe bonwabe kakhulu kuba bakwazilr ukuzichaza izinto ezibatyayo nezenziwa ngamapolisa, uthe banesicelo sokuba amapolisa ayeke ukutshomana nezaphuli mthetho. Osuka kwicandelo lakwa IPID uBongiwe Thukela  unikeze wonke umntu ithuba lokuzibuzela apho kungaqondakali khona.

“Sivuye kakhulu xasibona  abahlali beveza indlela abaziva ngayo sonwabile sinethemba lokuba leMbizo iyakuwenza umahluko kakhulu, sivuyela nokuxhaswa nangamanye amasebe nawo anikeze ithuba abantu bazibuzela, sinawo amatyala enziwa ngamapolisa futhi siyawabamba xa ethe awenza kakuhle sithi abantu mabangoyiki ukuchaza xasube engakhange aphatheke kakuhle kwinkonzo yesipolisa,” utshilo uBongiwe Thukela wakwa IPID  ephondweni. Imbizo le ikhwebe nabo bangabaqhubi bezithuthi nabazibuzele kangangoko imibuzo.