CommunityEducationNews

Balisabele ikhwelo abantwana

12 EyeDwarha 2023 – Yonela Mpaka

NGCOBO

Usomashishini osakhulayo uLupho Dyonase nozinze kwidolophu yase Ngcobo eMasonwabe uzimisele ukulwa nomcelingeni wokusetyenziswa kweziyobisi ngabantwana abasakhulayo. Oku ukuqale kancinci loka Jonase ngokumane ebaqokelela abantwana benze imiculo imixhentso bekwanika nemfundisongendlela zokuzigcina bengenanto ebadibanisa naziyobisi.Ikhwelo balisabele abazali kuba abantwana babo babakhupha kangangoko xa befunwa nguloka Dyonase. Baveze izakhono abanazo abantwana ngethuba bekubanjwe ishow  nabebephume bedlulile kwikhulu. Umdla mkhulu kakhulu ebantwaneni ingakumbi abafuna uphuhla babheke phambili.

Oyimvumi esakhulayo uAlive Siqwayi uthi bayavuya kakhulu befumene umntu ozobabonisa indlela ebheka empumelelweni. “Singamaxhoba singabantu abatsha akukhonto intle siyahlukumezeka kumakhaya esiphuma kuwo sizibhaqe sesithe bhakada kwiziyobisi, iphull eliqalwe ngubhuti Lupho lisincedisa kakhulu kuba singabante safuna ukwaziwa izinto esizenzayo nabazali bethu bakhe baziqhenye ngathi, sikhuthaza nabo bahlala emakhaya uba baphakame beze kuthi akhona amaqithiqithi afumanekayo njengoba simana ukwenza oku,“ utshilo u Alive.

Onguwadi komiti kwidawo le uNomaxabiso Xobololo  ulixhase kakhulu eliphulo lokusondeza abantwana ndawoninye esithi bayayibona ingxaki yabantwana abayeka isikolo kuba betshutshiswa ziziyobisi.Simqhwabela izandla uLupho sisithi siyamxhasa kakhulu makaqhube abheke phambili,“ utshilo uXobololo. ULupho uthe wanikeza ngesixa semali kubantwana abaqhube kakuhle kwi talent show. Ndifikile ndabona abantwana badinga inyo yokwenza bagcwala ezitratweni bangayazi noba mabathini, ndangena kubazali ndabacela abantwana sanezivumewano siyaqhuba siya phambili, ndihlaba ikhwelo kwabo basekude uba basondele bayaphoswa,ndibulela nabazali abazinikeleyo bexhasa abantwana babo sikuthakazelela kakhulu oku,“ utshilo Dyonase nongumseki iFocus.

Â