Ziyaphuculwa iindlela zase Raymond Mhlaba
15 ISilimela 2023 – Anele Raziya
Dikeni
UMphathiswa we Sebe lezoThutho, iiNdlela nezoKhuselo eMpuma Koloni uXolile Nqatha uvakalise ukuba babekele bucala imali engange R9.52 million ezakulungisa iindlela ezingaphantsi komasipala waseRaymond Mhlaba.
UNqatha ukuveze oku ngexesha ebebambe intlanganiso neenkokheli zomasipala waseRaymond Mhlaba, amalungu eDebe-Nek Forum kunye nezinye stakeholders ezichaphazelekayo kwezothutho.
Intlanganiso ibibanjelwe kumasipala waseRaymond Mhlaba kwaye injongo zayo ibizezukuba kuxoxwe ngeemiceli mngeni ejongene noluntu ezindleleni.
Umba obuphambile ngexesha kuqhuba indibano, ngowendlela ekubonakala zikwimeko embi kule ngingqi kwaye azihambeki.
Ngokwengxelo yomasipala ichaza ukuba izandyondyo zemvula ezisando kunetha kwinyanga edlulileyo ziye zakhukhulisa uninzi lweendlela ingakumbi igraveli kwaye zonakalisa nebhulurho ekuhlaleni.
Nangona kunjalo kunyaka mali ka2022/23 bezikhona iindlela ezithe zenziwa lisebe lika Nqatha kwaye umasipala namalungu eDebe-Nek Forum ayiqhwabele izandla lonto.
Kulonyaka mali ka2023/24 isebe livakalise ukuba libekele bucala imali engange R9,52 million nezakuthi isetyenziswe ukwenza iindlela zaseRaymond Mhlaba.
Oka Nqatha ngethuba esenza uhlahlo lwabiwo lwesebe lakhe kwiNdlu yoWiso Mthetho eMpuma Koloni kutsha nje, wathi isebe lizakungene kwizivumelwano noomasipala abathile ngenjongo zokubanika izixhobo zokwenzela iindlela ukuze bazenzele.
Umasipala waseRaymond Mhlaba kulindeleke ukuba nawo ubeyinxalenye yoomasipala abazakutyikitya izivumelwano nesebe khonukuze bazenzele ngokwabo iindlela.
Uqhube wathi uzokukrweca no SANRAL ukhangela ukuba akukho ngenelelo elinokwenziwa elikhawulezileyo ukulungisa iindlela ezingafakwanga kuluhlu lwendlela ezizakulungiswa kulonyaka Mali.
Ukanti isebe lika Nqatha likwafake isicelo kurhulumente kazwelonke ukhangela inkxaso yesixa semali esinokuncedisa ulungisa umonakalo oye wadalwa zizandyondyo zemvula ephondweni.


