“Yahlukanani nokuthathela umthetho ezandleni”-Mene
23 EyeDwarha 2023 – Monwabisi Khininda
MPUMA KAPA
Bathi abantu bakuphelelwa lithemba kwingalo yomthetho babone ukuba okungcono mabathathele umthetho ezandleni ngokuthi kubulawe lowo otyholwa ngolwaphulo mthetho. Kwiveki esisuka kuyo uMkomishinala wamaPolisa eMpuma Kapa uLieutenant General Nomthetheli Mene ulumkise uluntu ukuba lwahlukane nalo mkhuba kuba alwahlukanga kwizaphuli mthetho.
Esi silumkiso uMkomishinala Mene usihlokomise emva kokubulawa komntu owachazwa njengolahlekileyo kweyeDwarha. Umzimba wakhe ufunyenwe kwingcwaba elingenzulu eyadini yendlu yakwaNobuhle kwiveki ephelileyo. Kutyholwa ukuba ngentsimbi ye-08:15 amapolisa alandele umkhondo malunga nomntu owaduka ngomhla we-29 Septemba. Ngorhatya lwangoMgqibelo amaPolisa afumene umkhondo wokuba umntu olahlekileyo ungcwatywe kwingcwaba elingekho nzulu kuyaphi kwindlu eku-2nd Avenue KwaNobuhle eGqeberha.
NgeCawa icandelo laseGqeberha lokuKhangela nokuHlangula kunye nabecuphi beSAPS KwaNobuhle baye kulo mzi ubuxelwa. Inja yamaPolisa iye yalanda umkhondo kwaye umzimba wendoda wafunyanwa ungcwatywe eyadini. Bekungekho mntu endlwini ngelo xesha.Lo mzimba uchazwe njengoka Michael Zola Msengi (47). Ukusukela oko ufunyenwe lo mzimba, amapolisa ebekhangela umntu ohlala kulo mzi.AmaPolisa aphanda ityala lokubulala.
NgoMvulo ekuseni amaPolisa aphinde abizelwa kwisiganeko somzimba obhaqwe utye tywaa ebaleni, e-4th Avenue KwaNobuhle. Umzimba kaThembikhaya Shaun Witbooi ona (35) yeminyaka ubudala utshiswe kakubi nalapho kungqinwe ukuba uhlala kwindlu apho kufunyenwe khona umzimba kaMsengi.Indlu yakhe uWitbooi nayo yatshiswa.
