Crime & SafetyLocalNews

Banqwenelelwe iholide ezintle eNgcobo

Umasipala wase Dr Ab Xuma uthe wabamba iphulo likafika uphila(Arrive Alive) neliqhutyelwe kwindlela u R6. Eli phulo lixhobise wonke umntu ohamba ngemoto ukuba ayithobele imigaqo yezendlela ukuze kweziholide zika Disemba ingozi zinciphe. Ibeliphulo  elihle kakhulu eli kuba lixhaswe ngamasebe ohlukeneyo kuquka elo lijongene nabaqhubi ncakasana.

Obekhokhele eliphulo uCeba uNomampondomise Siphendu ohongene necala lakwa Community  services  ebambisene no  uSivuyile platyi onguceba edolophini bawenze ngempumelelo lomsenzi. Uceba uSiphendu uthi benze okuninzi  bexhobisa abo basezimotweni ukuba baqhube kakuhle kweziholide bakulumnkele ukusebenzisa ubhelulomsele, abo bahamba ngenyawo baqaphele imoto bangahambi ngobusuku ukuze bazosinda ukubangamaxhoba engozi.

Eli phulo kumasipala iDr Ab Xuma liyenziwa minyaka le ukuze abantu bathi besiya kuDisemba babe bekwazi emabakwenze nekufanele bangakwenzi. Okhokhele kwicala le Taxi utata Nkewana ukuvuyele kakhulu oku kwenziwe ngumasipala. “Ithemba lethu likhulu kuba sibonile abantu baye bamanela bazithatha ingcebiso xabemiswa ezindleleni benze oko kufanele bayakwenza, siyafuna ukuthi lomsebenzi sizakubambisana kangangoko sinako kuba ixesha likaxakeka liza nengozi amakhaya amaninzi aphulukana nezihlobo zawo, sanqonqozisa nathi sisithi wonke umntu makathathe uxanduva ukuzikhusela endleleni kokomntu wonke , “utshilo utata uNkewana. Usododolophu womasipala uCllr Siyabulela Zangqa unqwenelele wonke umntu iholide ezimyoli