Kuvakala okokuba ayenyuka amaxabiso okutya ne petrol
26 EyeDwarha 2023 – Intatheli kaDizindaba
KAPA
Bonakala bexhalabile abemi beli loMzantsi Afrika emveni kokuba iqumru elijongene nabathengi nokunyuka kwezinto ekuhlaleni, iCPI, ibonise ukunyuka kwakhona kweqondo. Oku kubonakalisa ukanyuka kwamaxabiso okutya, ipetrol kunye nezempilo. Olu lonyuko zilandelelana iinyanga ezimbini lubonakala lonyuka ngokoyikisayo ukusukela ka 2017.
Umbutho ojongene neqondo lamaxabiso ngakubathengi ingakumbi kwabo basokolayo ubonakalise inkxalabo emveni kokuba kuye kwabentsa into yokuba amaxabiso aye akhuphuka ukusuka ku 4.8% ukuya ku 5.4%.
Okubonakale kuxhalabisa uluntu kakhulu kukunyuka kwe petrol, amaxabiso enyama, intlanzi, isonka kunye neziselo ezinganxilisiyo kwakunye nokonyuka kwamaxabiso amazambana kutshanje. Kuvakala okokuba oku konyuka kwamaxabiso epetrol kunganegalelo kwezohambo ngezithuthi ntoleyo ekoyikiselwa okokuba izakuba negalelo kwezo nkonde nee nkondekazi ezisamane ziphoswa ngapha nangapha kulo ‘Duntsu Bhaka’ wemirolo yenkamnkam Phakathi kukaSASSA ne Post Bank.
Kwelinye icala uluntu lothuswe kukuba kubekho abazali abathi bona banabantwana abakhe baye esikolweni bengatyanga kwaye bengaphethanga ntotu.

