LocalNews

Inkanyamba itshabalalise imizi elishumi

Iintsapho eziliqela zishiyeke zingenandawo yakufihla iintloko emva kokutshatyalaliswa yinkanyamba kwemizi yazo kwilali iZingonyameni eMt.Fletcher kutsha nje.Oku kuza emva kwesitshingitshane esinamandla ekusoleka ukuba ibisisaqhwithi senkanyamaba.Lithe lakuzola izulu kwabonakala ukuba kutshabalale izindlu,iipali zombane.iibhokisi zombane.Ngethamsanqa akukho zingxelo zokonzakala kwabantu.

ULuleka Zibi olixhoba, uthi yena wonakalelwe yindlu ebihlala iinkukhu namantshontsho azikhulisela wona ukuze akwazi ukuziphilisa yena nosapho lwakhe. “Ndonakalelwe kakhulu, amanye wamantshontsho aye acinezelwa ngamazinke afa.Amanzi angene endlini konakala nokutya kwenkukhu.Ndilahlekelwe nayimali enintsi kuba bendizithengisa ezi nkukhu namantshontsho nto leyo ethi abantwana abazukuba nazo iimpahla zeKrismesi, nezokubuyela esikolweni kunyaka ozayo kuzobanzima.”

UTshepo Poni, ohlala namalungu osapho amahlanu ungomnye wamaxhoba onakalelwe kakhulu. UPoni umkelwe zizindlu ezimbini ze kwashiyeka uronta omnye esebethembele ngawo belusapho nangona ungekho semgangathweni oncumisayo. “Isishiye sisebunzimeni le nkanyamaba, asazi siphathe ntoni siyeke ntoni kuba kaloku akukho namnye osebenzayo sixhomekeke kwimali yesibonelelo kaSASSA. Le nkanyamaba ayonakalisanga izindlu kuphela imke neempahla zabantwana zesikolo, yamosha nombane sipheka phandle ndithetha nawe nje. Ukutya konakele asinayo nemali yokuthenga okunye ukutya.”

UKhansela wakwa wadi -10 uSibusiso Sibanda uthembise ngelithi bazakwenza isiqinisekiso sokuba amaxhoba ale ntlekele ancedakala ngokukhawuleza. “Sele siqalile negqiza lam ukwenza imizamo yokunceda sathumela iinkcukacha zamaxhoba kumasebe karhulumente awohlukeneyo ekuquka u-SASSA, Social Development umasipala waseLundini namanye amasebe ukuzama ukuncedisana namaxhoba ukufumana izinto abaphulukene nazo.”

UKhansela lo ukwathe sele beqhakamshelene no-ESCOM ukuba azolungisa iintambo zombane eziqhawukileyo. “Sibulela kuMdlali xa kuye akwabikho mntu wonzakeleyo okanye oye walandulela eli kwesi siganeko. Kwaye sithi ngxee kwiintsapho ezithe zachaphazeleka yile ntlekele. Amaxhoba asajongise amehlo ezintabeni apho kulindeleke kuvele uncedo khona.