AgricultureLocalNews

‘Siphumle ekuseleni nenkomo

Abahlali belali yase Gqebenya phantsi komasipala wase Emalahleni bathe banikezwa iproject zamanzi. Emva kwethuba elide abantu bendawo lena besokola amanzi ngoku bazakuthi baxhamle kumanzi acocekileyo phantsi kwesikhokhelo sika Sodolophu uLusanda Sizani womasipala iChris Hani. Ulusanda ujongene necala lamanzi ngqo nobethe gqolo ukutyelela bonke omasipala ekhuthaza ukuba abantu mababhatale amatyala amanzi ukuze kuzovuselelwa zonke iziseko samanzi. Abantu baqalile ukuxhamla amanzi ingakumbi abo belali nabakhala mihla le ukuba basela amanzi nenkomo.

Oka Sizani uthi bebecenga abantu kuba xa bengabhatali benamatyala amakhulu kwicala lamanzi lonto inciphisa ukuba aphume.Sizame kangangoko ukucengana nabantu uba bawacime amatyala abo kwa nevenkile kuquka namasebe karhulumente, sinemiphumela emihle kuba ngoku sikwazile ukubane project ezivelisa amanzi nezizonceda abahlali, ingxaki yamanzi yeyonanto inganyamezelekiyo yiyo lonto sisithi ebantwini ezi iziseko sikwazileyo ukuzivula zaphuma amanzi sicela abantu baziphathe kakuhle, sifuna iChrishani yonke ingaphindi ikhale ngengxaki yamanzi xasibambisene wonke umntu uzobanawo amanzi,“ utshilo uLusanda Sizani. Abahlali bebengawuvali umlomo emva kwexesha elide bevuka bayokha smanzi kwindawo ezimdaka.

Utata uMafayi Mgudlwa uthi inzima kakhulu into yamanzi oko bebewasokola.“ sibulela isikhokhelo esitsha esize notshintsho emva kwexesha elide sisela nenkomo, sithembisa ngokuzigada eziziseko samanzi kangangoko sinako kuba siyayazi intsokolo esidlule kuyo asifuni ukuphinda singabinawo tu amanzi , “utshilo utata uMgudlwa. Indawo yase Ndenxe iNdulwini ne Mahlathini zixhamle ekufumaneni amanzi acocekileyo nezenze umbulelo ongazenzisiyo kwisikhokhelo.