UZuma uvuselela Umkhonto Wesizwe
UJacob Gedleyihlekisa Zuma owayesakuba nguMongameli weli lomdibaniso uthi nangona eselilungu likaKhongolosi akazukuyigayela iivoti engazukuyivotela kananjalo. UZuma uthi eyakhe ivoti iya kwiMK enkokheli zayo ezingekadizwa. Lo mbutho obizwa uMkhonto Wesizwe eyayisakuba liphiko lomkhosi we-ANC usunglwe e-SOWETO nge 16 kaDisemba wonyaka ophelileyo.
Ngokomgaqo siseko we-ANC ilungu lalo mbutho alikwazi ukuzimanya nomnye umbutho ongeyiyo Ianc.Kwa –MK le yayeka ukuba yi-MK emva kokupheliswa kwayo phaya kunyaka we-1993. I-ANC ithi iza kumohlwaya lo kaZuma.
“Ngonyaka ka-2024 mna ndizakuvotela uMkhonto weSizwe. Lo mbutho sele ubhalisiwe nakwi-Independent Electoral Commission kwaye ndiwuxhasa ngandlela zonke.” Ndathatha isigqibo sokuba andisoze ndivotele i-ANC ekhokhelwe nguCyril Ramaphosa. Ayiseyiyo la-ANC ndazimanya nayo kwiminyaka engaphaya kwamashumi amathandathu. Ndimema bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bavotele lo mbutho we-MK,” kutsho uZuma.
UFikile Mbalula ongunobhala jikelele kumbutho we-ANC udize ukuba uZuma akazukubizelwa kwikomiti yezoluleko kuba uzigxothe ngokwakhe kwi-ANC, wazibandakanya noMkhonto Wesizwe. UZuma wabhengeza ukuba akuzukugayela iivoti i-ANC uza kugayela uMkhonto Wesizwe aza kuwuvotela,kodwa uzakuhlala elilungu likaKhnongelosi.