Abonakala emahle amathuba okuphucula amashishini amancinci nasakhulayo
Oosomashishini abancinci bathi baziva bekhuthazekile emveni kwentetho yeSizwe (SONA) ebisandula kwenziwa nguMongameli Cyril Ramaphosa nalapho achaphazele bona kunye nokuveliswa kwenkitha yemisebenzi yolutsha nguRhulumente. Apho kuloo mathuba bekuhamba phambili iSebe Lezasekhaya (Home Affairs) nalapho bekuthethwa ngamawaka waka ezithuba zengqesho kunye noqeqesho. Kodwa oo “Qalazive” bathi kukho abo kulutsha bathe incinci iR5500 ngenyanga xa benikwa uqeqesho.
Ngethuba lentetho yakhe yeSizwe uMongameli Ramaphosa uye wazisa ngenkqubo yokuxhaswa ngezimali (funding) kwamashishini amancinci khonukuze nawo akwazi ukuveza izithuba zemisebenzi.
Kube ngeli xesha le Ntetho Yesizwe apho uMongameli athe wazisa okokuba uRhulumente uceba ukuncedisa nge R1.4 billion koo somashishini abancinci abaphaya kwi 90000. Kusenjalo uthe uRhulumente ekunye nequmru lamashishini amancinci uceba ukuchitha inkywenka yemali eyi R10 billion ukuxhasa amashishini amancinci, aphakathi kunye nalawo mancinci kakhulu. UPresidanti uqhube wathi: “Kulo nyaka
uRhulumente uza kugqibezela imibandela kumthetho woshishino ka 1991 ukwenzela ukuthotywa kwemithetho ebithintela amashishini amancinci nee Cooperatives ntoleyo ngoku ezakubangela kube lula kwabo bafuna ukuqala amashishini,” utshilo.
Ukanti kusenjalo uMongameli Ramaphosa uphinde waveza ezinye iindaba ezimnandi ngethuba esithi ukunikezwa kwePost Bank yeSizwe nezakuthi inikezele ngamathuba eenkonzo zezimali kumashishini amancinci (SMME’s). Oku kuzakuphucula ulutsha, amashishini aphethwe ngamanina kunye nabahlali abangafumani nkonzo ezizizo.


