CommunityPolitics

Bafuna imisebenzi yabo

Bebevale kumasipala i Dr Ab Xuma abo bangonogada nababesebenzela inkampani yakwa Ngquthura phantsi kwedolophu yase Ngcobo. Bebephethe ibhodi bebhale konke okungaqhubeki kakuhle. Oku bakwenza emva kwezikhalo abanazo nalowo ebengumqeshi wabo u Booi. Abanogada bakhalazela ukuba umqashi akade ababuyisele emsebenzi ntoleyo wethembise ukuba uzakuyenza bekwakhalazela imali zabo abangade bazifumane besithi makaphume aphele kumasipala i Dr Ab Xuma. Abanogada sekudala bemana ukumvala umasipala oqashe inkampani uNquthura. Isisombululo asikade sifumaneke nanjengoko abanogada bangamashumi amahlanu bethembisa ngokuba bazakumsa kwinkundla zikamantyi loka Booi. Ngethuba sincokola nomqashi u Booi uthi abanogada baziyekela emsebenzi kuba babecinga inkampani leyakhe ayizuphinda iqashwe, esithi njengoba baziyekela emsebenzini uzakubabuyisela xa zikhona izithuba. “Andinayo imali endibatyala yona mna kwaye ndizakujonga izithuba ndiphinde ndibafake okwam mna kukuvula amathuba emisebenzi andilwi namntu,“ utshilo u Booi ongumnikazi wenkampani yonogada i Ngquthurha. Inkampani iyaqhuba iyasebenza. Umfanekiso: Onogada besithi abayifuni inkampani uNgquthura bephambi komasipala.