‘Ikamva labo lisezandleni zabo
6 March 2024 – Yonela Mpaka
Usodolophu womasipala wase Dr AB Xuma u Siyabulela Zangqa uthe wanikeza nge sanitory towels kwi Foundation ebizwa Iphulo phantsi kwenjongo zokuba kuyoxhaswa amantombazana kwizikolo zase Ngcobo. Iphulo elihle elisuka ku Sodolophu u Zangqa liqhwatyelwe izandla ngenxa yokubona isimo sabantwana abanye abayeka isikolo ngenxa yokuba besiya exesheni bangabinazo izikhuseli.
Ifoundation lena nekhokhelwe ngu Ntsikelelo Macingwane izamnkele ngezandla ezishushu ezipasele. UMacingwane wale foundation wenze omkhulu umbulelo kuZangqa esithi wonke umntwana oyintombazaba unelungelo lokufunda ngaphandle kokuphazamiswa. “Siyaguqa ku Msuthu ngezipasele sisithi makuyiwe esikolweni ngamaxesha onke, sijonge ukuqokelela I 2500 yazo ukuze xasibheka ezikolweni sikwazi ukunikisa ngesixa esithile, sifuna nohlaba ikhwelo kubantu bonke uba basixhase,“ utshilo u Macingwane.
Ukunikezela nokuxhasa umphakathi wase Ngcobo yeyonanto ayenzayo nathe gqolo ukuyenza loka Zangqa. Bekungentsuku zatywala enikisa ngekiti yebhola kwelinye iqela elidlala kakhulu kwakuledolophu. Oka Zanqa uthi bafuna ukuqinisekisa ukuba bayazixhasa ezi foundation kuba senza umsebenzi omkhulu kulula kakhulu kuzo ukuya kwezizikolo ziyobona ingxaki zabantwana. “
Sizimisele ukuxhasa nokuba yeyiphi foundation ukuba iza nento entle ezakugula isimo sentlalo , siyakhuthaza abakwaziyo ukubanazo ifoundation bangaziyeki kubaziluncedo, sifuna nokhuthaza nabantwana abasakhulayo ukuba isikolo bangasiyeki ngenxa yengxaki ezimana ukuvela, bangajikwa sisimo samakhaya wabo baqhube bafunde incwadi zabo kuba ikamva labo lisezandleni zabo,“ utshilo u Zangqa.Izikolo ezixhamleyo kwezi sanitory towels zezo zingqonge iNgcobo.