UMasipala waseDrakenstein ulwa impatho gadalala (GBVF)
20 kuCanzibe 2024 – Intatheli kaDizindaba
UMasipala waseDrakenstein unebhongo ngokubhengeza intatho-nxaxheba yethu eqhubekayo kuMngeni we-100 Days Against Gender-based Violence (GBV), siqinisekisa ukuzinikela kwethu ekupheliseni lo mba uzingileyo kuluntu lwethu. Ngephulo lethu elibanzi leeNtsuku ezingama-365 eziChasene ne-GBV, sifuna kwakhona ukubonisa inkxaso yethu engagungqiyo kumaxhoba olwaphulo-mthetho loyikekayo.
I-100 Days Challenge, ehlanganisa urhulumente wasekhaya, imibutho yoluntu, kunye nabemi, ijolise ekuqiniseni iinzame zokuthintela i-GBV, ukuxhasa amaxhoba, kunye nokubamba abenzi bobubi ukuba baphendule.
“Sizimisele kuthumo lwethu lokudala uluntu apho wonke umntu aziva ekhuselekile kwaye ehlonitshiwe. Ngokuthatha inxaxheba kwi-100 Days Challenge kwakhona, sithumela umyalezo ocacileyo wokuba ubundlobongela obusekelwe kwisini abunandawo kuluntu lwethu,” utshilo uCeba uStephen Korabie, uSodolophu weSigqeba kuMasipala waseDrakenstein.
UMasipala umema bonke abahlali ukuba babambane ngezandla kweli phulo lidityanisiweyo lokuphelisa i-GBV nokwakha uluntu olukhuselekileyo nobandakanya wonke umn

