CommunityEducation

Ukhula ngokukhula umnyhadala wenkcubeko yamaMpondo

UNomonde MaKheswa Makaula uza kudala umtsalane kwi-4th Funda Mpondo Literacy Festival.Le mibhiyozo izobanjelwa eLusikisiki Health Resource Centre ngomhla we-3-4 kuSeptemba 2025.Kwakulo msitho kuzobe kuphehlelelwa incwadi yombhali olinina uNomonde Makheswa Makaula ethi ‘Masiqhube Kusakhanya’.UNomonde Makaula ngumfazi wasemaBhaceni ungumbalisi weentsomi nomdlali weqonga onamava okwayinkokheli kwiChildren Evangelism Fellowship.UMakaula uthi ulwimi lwesiXhosa kunye nezithethe zesiNtu zifumana umoya omtsha.

Le ncwadi yingqokelela yamabali amafutshane,imibongo,kunye nomdlalo weqonga,igcwele intlungu nentlalontle.Ibhenele ekubuyiseleni ulwimi lwesiXhosa,ivuselele uthando lokubaliswa kweentsomi,kwaye Ibiza iinkokeli zangomso ukuba ziqinisekise ukuba izithethe ziyaphila. “Zemk’iinkomo magwalandini sijongile.Mlisela nomthinjana wakuthi-masivuke sizithabathe kuselithuba,”ukhuthaza ngelitshoyo uMakaula.Lo mnyhadala ozosingathwa ngokubambisana ngumasipala wasePort.St.Johns nowaseNgquza Hill.

Elinye inina elizakube lithabatha inxaxheba kulomnyhadala nguGqirha Nontethelelo Nxumalo ongumbhali osele ezenzele igama kwezenkcubeko nomdidiyeli wemiboniso bhanyabhanya.UGqirha Nxumalo selepapashe iincwadi ezilishumi elinanye ezinye zazo zisetyenziswa lisebe lezeMfundo kwiphondo laseGauteng nesebe lezeMidlalo neNkcubeko kumathala eencwadi kwiphondo lakwaZulu Natal.Ukwangumpapashi okhuthaza ababhali abakhasayo namanye amagcisa.