Ugqibe i100 years esabona ngamehlo ugogo wase Ngcobo
Yonela Mpaka
Inkondekazi uNoAnsala Dunga egqiba ikhulu leminyaka nezalwa kwilali yaku Gcina phantsi komasipala iDr AB Xuma yenzelwe isihika hika setheko ngabo basondele kuye. Umakhulu unoAnsala usabonakala njengomntu okwaziyo ukuzenzela izinto kuba usabona kakuhle nasemehlweni. Ukugqiba iminyaka engaka kubothusile abaninzi ingakumbi kuledolophu kuba abaninzi bayaphela kumashumi asixhenxe.
U Alizwa noyintombi yakhe uthi babone makhe balubhiyozele usuku luka gogo kuba iminyaka engaka kunqabile ukuba abantu bafuke kuyo. “Sithe sakuphuma besisigqibo yangulowo nalowo efuna ukuphosa esivivaneni abantu baseNgcobo bakhuphe izipho besixhasa bedlulisa ngezipho kugogo bemnqwenela ukuba aphile kakuhle, ibeluvuyo kuthi kuba ugogo u ungumntu onobubele ongafuni mntu uhluphekayo, ukukhuliswa nguye kuthetha lukhulu kuthi sisonke nathi sithi uThixo amgcine unguwo umzekelo kuthi,“ utshilo u Alizwa Dunga. Abazinkokheli kwidolophu lena nabo abakwazanga ukuthula xa ugogo u ebhiyoza .
Ulwazi Mditshwa noyinqununu kwisikolo sase Chefane uthi khange akwazi nokulinda uyitshaye isaqhuma xa eva iminyaka yenkondekazi asele ayiphilile. “Siyaguqa siyakhothama ku gogo okwazileyo ukufika kuleminyaka sicela abantu abadala ukuba bakhuselwe bayeke ukuhlukumezwa sinethemba lokuba nabo beza emva kwakhe bafundile indlela zokuphila sithi akhule akhokhobe siyazingca ngaye siyidolophu yase Ngcobo,“ utshilo uMditshwa.Izipho ezinikezwe ugogo uAnsala zimvuyise kakhulu nazithethele esithi kuye wonke umntu ohloniphe usuku lwakhe asikeleleke.
