Arts & CultureLocalNews

Akhomama uzakubalixhoba ngoku sibhinqe omfutshane

12 kweyoMnga 2024 – 15 eyoMqungu 2025

Yonela Mpaka

Omama nolutsha kuquka otata bebebambe imatshi ejolise kumasipala iDr AB Xuma  ethi phantsi ngokuhlukumezwa komama nabantwana phantsi kwentsuku ezilishumi elinesithandathu ezibekiweyo nezilwa nokuphathwa gadalala kwabo. Icandelo elijongene nabo baphila nentsholongwane ka Gawulayo babeyinxalenye yoku kuquka abefundisi.

Imatshi iqale phakathi edolophini kuphethwe amabhodi abhaliweyo achasene nohlukumezo. Amatsha ntliziyo nawo athathe inxaxheba  kulomngcelele navakalise ukuba abo baphila nentsholongwane ugawulayo mabahambe ngokupholileyo nokuziqhenya bengoyikinto. Ojongene ne ofisi le kumasipala uNobuhle Maninjwa uthi wonke umntu funeka azazi ukuba umephi angathuli xa kukhona ukuhlukumezwa okwenziwayo, nakhuthaza wonke umntu ukuba ayozijonga ukuba uphilile kusinina, esithi wonke umntu unoxanduva lokuzikhusela.Igqiza likamasipala likuthakazelele oku.

OnguSodolophu kumasipala iDr AB Xuma uCllr Siyabulela Zangqa uthi funeka wonke umntu aqaphele xa kukho uhlukumezeko olukhoyo. “Sifuna iziyobisi abantu bayeke ukuzisebenzisa kuba zingunobangela wokuba abantu babulalane, sicela udlame luphele abantu abangomama bahlonitshwe abantwana bakhathalelwe bafunde bazobazizinto ngomso, akhomama sakuphinda sive kusithiwa ubulele sakwenzinto ngalonto,“ utshilo uSodolophu u Zangqa. Otata nabo baphakamile besithi hay egameni labo kuhlukumezwe omama nabantwana.