Job CreationLocalNews

Usodolophu uSamkelo Janda wamkele amajoni eMbhashe

Anele Raziya

Ulutsha lwedolophu zontathu zaseMbhashe neziquka iXhorha, Gatyane ne Dutywa, lufumane inyhweba ngokuthi lityelelwe yiSouth African Army kule veki.

Injongo zolutyelelo kukunika ithuba abantu abatsha abanqwenela ukusebenza njenga majoni welizwe lo Mzantsi Afrika.

Umasipala waseMbhashe ophakathi kwabaququzeleli bolutyelelo lwalamajoni, uthe lamajoni azokutyelela zonke iidolophu ezingaphantsi kwalo masipala kule veki.

Lonto ithetha ukuthi ngoMvulo uyokuma ngoLwesihlanu amajoni axakekile ancedisa ulutsha olufaka izicelo zemisebenzi kumacandelo awahlukeneyo kwiSA ARMY.

Ulutsha ekulindeleke ukuba lifake izicelo zomsebenzi liqala kwiminyaka ephakathi kweshumi elinesibhozo (18) ukuya kumashumi amabini anesithandathu (26).

Umntu omtsha uphatha isazisi sakhe, isatifeketi sakhe sika Greyidi 12 kunye nezinye iizatifiketi zemfundo enomsila ukuba unazo.

Umasipala waseMbhashe uthe izinto ezifana nomatshini wokufotokopa ziyafumaneka lonto ithetha ukuthi umntu kufuneka aphathe into zakhe kuphela.

USodolophu womasipala, uSamkelo Janda uthe lenkqubo yala majoni ibizwa i-SA National Army Recruitment Drive for Skills Development System Intake.

Kangangokuba abantu abatsha babongoziwe ukuba baphume ngobuninzi uyokufaka izicelo zabo zomsebenzi.

Indawo efana noMbhashe iphakathi kwendawo ezinamanani aphezulu wabantu abangasebenziyo ingakumbi ulutsha.

Kwiminyaka embalwa edlulileyo lenkqubo yala majoni weli yakhe yatyelela kuCentane nalapho yayisindlekwe ngumasipala waseMnquma.

Nalapho yayiyoncedisa ulutsha olunqwenela ukufaka izicelo zomsebenzi kweli candelo lo Mzantsi.