LocalNews

Iholo ezinze kwidolophu yaseDutywa izo kuhlazitywa ngumasipala waseMbhashe

Anele Raziya

Umasipala waseMbhashe eDutywa okhokelwa nguSodolophu uSamkelo Janda uzimisele ukuphucula idolophu yaseDutywa kwaye avelise namathuba emisebenzi yethutyana ukuze abahlali baxhamle kuwo.

Kutsha nje uMbhashe ubhengeze ukuba uzakuhlaziya iholo yoluntu ezinze kwidolophu yaseDutywa.

Abahlali abaqikelelwa kwishumi elinesithathu (13) kulindeleke ukuba baxhamle kumathuba weemisebenzi yethutyana xa kuqhuba le projekthi yokuhlaziwa kwale holo yakwaWard 1 eMbhashe.

Phakathi kwezinto ekulindeleke ukuba zilungiswe kule holo luphahla, kubiywe iyadi ngocingo, ipavement, kupeyintwe ngaphandle nangaphakathi kusongwe umsebenzi ngokulungiswa kombane.

Oko izakuba izinzame zokuphucula umnngangatho wale holo yaseDutywa nebonakala ikumngangatho ophantsi ngokwesakhiwo sayo.

Umasipala uthe lomsebenzi ulindele ukhawuleziswe ukwenziwa njengoko sele uchonge nenkampani ezakwenza umsebenzi kwaye wayazisa nase bahlalini ebutsheni bale nyanga.

Abantu abalishumi elinesithathu (13) abaphuma eMbhashe kulindeleke ukuba baqashwe yile nkampani iza kuqalisa kweziveki zizayo.

Ukuphuculwa kwale holo zezinye zenzame zika masipala zokuphucula inkonzo eziya eluntwini kunye nokuzama ukurhweba abatyali zimali.

Ukanti kwakule lenyanga uSodolophu walo masipala, uJanda uzakuthiya isitalato esikhulu kwidolophu yaseDutywa iRichardson main street egameni lika somashishini ongasekhoyo emhlabeni uTata uMthetheleli  uNgumbela.

Umasipala uwonga uTata Ngumbela ngenxa yeemisebenzi yakhe ayenzileyo ekuhlaleni enceda abantu abasweleyo kwaye exhasa nezemidlalo ukugcina ulutsha kude neziyobisi.

Ngomhla wamashumi amabini anesibini kule nyanga bonke abahlali baseMbhash, iinkokheli zomasipala nosapho luka Tata uNgumbela ongasekhoyo lizakuba luyinxalenye yomsitho.