Banikwa indlwana zokuthengisela abathengisi zitalatweni
Anele Raziya – 25 kuTshazimpuzi 2024
Abathengisi zitalatweni kwidolophu yaseNgqushwa bafumene inyhweba yokunikwa indlwana zokuthengisela izinto zabo abazithengisayo ngumasipala wabo.
Abasetyhini abalishumi elinesithandathu (16 kunye nendoda enye (1) banikwe indlwana ezibizwa ihawker stalls kwiveki ephelileyo ngusodolophu womasipala waseNgqushwa uSanga Maneli ekunye namalungi webhunga.
Oku kwenziwa ngumasipala ngenjongo zokhusela abo bathengisela ezitalatweni ukuba bangaxhaphazwa ngamalanga atshisayo, ziimvula nemimoya ebhundlayo kwaye bathengisele kwindawo ecocekileyo.Â
Uninzi lwabantu eNgqushwa abasebenzi kwaye ukuthengisa iziqhamo, imifuno nezinye izinto yenye yendlela abenza ngato ukuba balale betyile ngalo lonke ixesha.
UManela uthe yeyonanto eyenze babone kufanelekile belibhunga ukuba bokhe ezindlwana ihawker stalls ngenzame zokhuthaza abo bathengisela kwizitalato zedolophu yaseNgqushwa.
Uqhube wathi uninzi lwabantu abathengisa ezitalatweni kwidolophu yaseNgqushwa benza oko ngenjongo zokuba iintsapho zabo zilele zifumene into esuswini.
Ukwathi abathengisi zitalatweni ngabanye babantu abadlala indima ebalulekiyo kwicala lokhulisa uqoqosho lasekuhlaleni.
UManeli uhambise wathi ezi hawker stalls zitshintshe inkangeleko yedolophu kwaye belibhunga bayaqinisekisa ukuba baza kuqhuba bebaxhasa abahlali baseNgqushwa.
Uye wakhuthaza nooosomashishini ukuba bathi gqolo ulandele imithetho kamasipala engqamene nomashishini kwaye abo bafuna uncedo mabaye kwamasipala.
Emva kwesi sigaba sokunikezelwa ngezi hawker stalls, umasipala kulindeleke ukuba acwagcise isigaba sesibini (phase 2) seprojekthi apho kuza kuqinisekiswa ukuba irenki iyabiyelwa ngocingo kwaye nezibane ziyakhanyisa edolophini kwenziwe nendlela zabahambi ngenyawo(paving).
Uvalelise ngokubongoza abathengisi zitalatweni ukuba ukuba baziphathe kakuhle izakhiwo.
Ukanti umbutho weteksi uncedo uye wanikwa iofisi yokusebenzela nawo ngumasipala kwaye lonto iye yabachulumancisa kakhulu oonoteksi.

