Ayavuselelwa amanqindi kwingingqi yaseMbhashe
Aza kuvuselelwa amanqindi kwingingqi yaseMbhashe ngalo Mgqibelo siya kuye kwaye kulindeleke ukuba noqoqosho lwale ngingqi lufunquke njengoko kuza kubakhona nendwendwe ezizakube zingabatyeleli.
Isebe lezeMidlalo eMpuma Koloni libambisene nenkampani yabathelekisi emamqindini ebizwa ngokuba Isizwe Boxing Promotions, bazakumba itumente yamanqindi yosuku olunye kwiKholeji yaseKing Tvet College eDutywa ngalo Mgqibelo. Injongo zoko kuvuselela umdlalo wamanqindi eMbhashe kunye nokhuthaza iimbethi manqindi ezisakhasayo kulo mdlalo.
Yimilo elithoba kulindeleke ukuba idlale kule itumente kwaye kuyo kukho nemithathu yamantombazana. Iimbethi manqindi zizakube ziphuma kwizithili ezahlukeneyo ephondweni uzo kuthatha inxaxheba kule tumente.
UMphathi we-Isizwe Boxing Promotions ongumthelekisi owaziwayo emanqindini, uNtsikayesizwe Sigcawu nophuma eNqadu kwiKomkhulu lamaXhosa, uthe nangona bephoxakele emva kokuba intshatsheli yaseMpuma Koloni uSiseko Makeleni evakalise ukuba akazobasathatha inxaxheba kule itumente, kodwa wona amalungiselelo bawenze bawagqiba kwaye imilo iza kuqhuba ngoMgqibelo.
“Siwenzile amalungiselelo kwaye siwagqibile kodwa uHlumelo Gingxana ebekulindeleke alwe noSiseko Makeleni, uza kulwa noMoqhawe Damoyi waseMonti emva kokuba uMakeleni evakalise ukuba khange awulungiselele kakuhle umlo,” kutsho uSigcawu.
Umlo kaMakeleni noGingxana bekulindeleke ukuba ibengumlo ophambili kule tumente. Kodwa uSigcawu uthe akukho kwanto ijikileyo kuba umlo wosuku ngoku uza kuba phakathi kukaGingxana noDamoyi kwaye bazakulwa kwimijikelo elishumi kudidi le-Lightweight.
Umlo wabo uzakutshayelelwa ngowamanina phakathi kukaNdobayini Kolosa waseMhlontlo noNomandithini Ndyambo wasePhumlani eMonti kwaye bazakulwa kudidi lwe-CatchWeight.
Imbethi manqindi yaseGcuwa uMasibulele Mbumba uza kulwa noLutho Mbuku waseMdantsane, yena uBathandwa Mendela waseMnquma alwe noSonke Nkomeni waseCumakala. Zonke iimbethi manqindi ezizakulwa kule tumente zivakalise ukuba sele zikulungele kulwa kwaye kule veki kulindeleke ziphinde ziyokweliswa isikali.
USigcawu uthe bameme uMphathiswa wezeMidlalo ephondweni, uSodolophu waseMbhashe ukuba babeyinxalenye ngelinika inkxaso kulo msitho. Abathandi bamanqindi kulindeleke baphume ngobuninzi uzokuxhasa iimbethi manqindi abazithandayo.
Abathelekisi abaqhele ukuthelekisa iimbethi manqindi kwilizwe nakwihlabathi kulindeleke babekhona kule tumente ukujonga italente abanokuthi bayinike ithuba lokulwa kwizinga eliphezulu.


