Bazokohlwaywa abangcolisa idolophu yaseMthatha
Monwabisi Khininda – 25 kuTshazimpuzi 2024
Bazonikwa umdliwo ofikelela kwishumi lamawaka erandi (R10 000) abalahla inkunkuma kwindawo ezingekho mthethweni kummandla waseMthatha. Oku kuvakaliswe ngusodolophu wase-KSD uNyaniso Nelani ngethuba ethetha nnentatheli, ngethuba kuqhutywa iphulo elibambeneyo lokucoca iindawo eziquka ilokishi yaseNgangelizwe eMthatha. “Ucoceko luqala ekhaya.Sicela abantu baqiniseke ngeendawo abalahla kuzo inkunkuma e-KSD. Sinamaxesha okuthatha inkunkuma,ukuba kukhona impazamo kwindlela ekuthuthwa ngayo makuxelelwe ilungu lekomiti kaKhansela,uCeba okanye kutsalelwe umnxeba umasipala.” kutsho ”Nelani.
Ngokutsho kukaSodolophu okwangoku isohlwayo sabo sesame kwi-R5000.00. UNelani uthi ukunyuswa kwalo mdliwo kuzophunyezwa libhunga lomasipala waseKing Sabata Dalindyebo. Makubuye amaphulo okucoca akhokhelwa ngabahlali ukuze i-KSD ingenelele. “Ukukhokhela la maphulo kubetha kakhulu umasipala kwaye kudinga imali eninzi. Ngococeko singazinqanda izifo sivuselele noqoqosho ingakumbi eNgangelizwe.”
UMqondisi kwicandelo leNkonzo Zoluntu e-KSD uAyakha Gqoboka uthi sele beyibhokoxile ingxowa ejongene nenkunkuma e-KSD. Uthe kungoku nje bakhangela iqhinga elitsha lokujongana nalo mkhuba uxakileyo ingakumbi eMthatha. Uqhuba athi iphulo lokucoca ummandla wentshona yoMthatha kuphela kungatyabula ngaphaya kwe-R15000.00 kuquka ukuhlawula abasebenzi ixesha elongeziweyo,amafutha ezithuthi nezinye.
Phakathi kwamasebe abekhona aquka elamapolisa,eLophuhliso loQoqosho neMicimbi eSingqongileyo, umasipala wesithili i-O.R Tambo namanye amasebe.
