HealthLocalNews

Bamiswe mantsantsa ngamarhamba esibhedlele

16 kuCanzibe 2024 – Monwabisi Khininda

Basebenza ngoloyiko ooGqirha aBongikazi nabasebenzi kwisibhedlele iDr. Malizo Mpehle kuTsolo kwiphondo leMpuma Kapa. Oku kulandela ukumane kubonwa iinyoka ezinobuhlungu zidakasa phakathi kwabantu nakwiwadi zezigulana. Ukubonwa kwalamarhamba kubeka esichengeni iimpilo zabasebenzi besibhedlele nabaguli abazofuna uncedo kwesi sibhedlele. Kukho amaxesha apho akhe othuleke esilingeni okanye abhaqwe phantsi kwebhedi okanye phantsi kweetafile.

Ingxelo ithi ayisothusi mntu into yokuva isijwili somfazi obone irhamba kuba nangasesangweni ayabonakala. UMkhululi Ndamase oSisithethi sikaMphathiswa wezeMpilo uNomakhosazana Meth uthi bakhe bayifumana ingxelo yeenyoka kwesi sibhedlele. Uthembise ukuba isebe lakhe lizothatha amanyathelo afanelekileyo ukulwa le ngxaki kungekade kulimale abantu ngalamarhamba.