Crime & SafetyMATATIELE

Izikolo zaseMatatiele zizigqubu zokudlwengulwa kwabafundi

Yintatheli yeKhwezi

Kudizwe ukuba omnye wabazali babantwana ababehleli noCwecwe (7) kwisikolo iBergview College ngosuku awadlwengulwa ngalao ngoOkthobha kunyaka ophelileyo naye wadlwengulwa. Ngokothoba sikutyele umzali wakhe ukungcinile oku. UCwecwe naye babeyinxalenye yabafundi abahlanu kwesi sikolo leziganeko. Okwangoku akucaci abanye abathathu basinda kusini kudlwengulo njengoko umqobo ingabazali aboyika ukuthetha. Amatshantliziyo nemibutho engenzi nzuzo kumaphondo aquka iKwa-Zulu Natal, iGauteng adlulise uxwebhu lwezikhalazo ngoLwesihlanu kwisikhululo samapolisa saseMatatiele befuna ubulungisa. UNomvula Qola onguSihlalo kwiHolekane Women’s Support Organisation uthe amapolisa amabini axelele umama kaCwecwe ukuba akukho DNA yenziwa kwinqununu yaseBergview College. “Ingxaki esinayo abazali abafuni kuthetha ngodlwengulo lwabantwana babo. Sifuna kuyothathwa iingxelo kubantwana ababehleli noCwecwe ngelaxesha.

Kuvele ukuba kukho umfundisi ntsapho owabalekayo eBergview College emva kwengxaki kaCwecwe. Kutyholwa ukuba itikiti lokuhamba walithengelwa sisikolo. Ukanti umfundi owaziwa njengo-Alu (7) wadlwengulwa ngomhla we-6 kuNovemba ka2024 kwisikolo iVuka Rise Manase kulandela ukucela ukuya kwindlu yangasese. Umrhanelwa onyangelwa ukusebenzisa iziyobisi kwesi sikolo wabanjwa kodwa waphinde wakhululwa ngamapolisa kusithiwa abonelanga ubungqina. Kwalapha eVuka Rise Manase ngomhla we-28 Novemba 2024 umfundi onguBoy wadlwengulwa kwelinye lamagumbi emva kokulahleka iiyure ezimbini. Umrhanelwa kwelityala uzovela enkundleni kuleveki eyofaka isicelo sebheyile.

Usihlalo kaZwelonke kwiMens’ Forum of South Africa uBheki Mchunu uthe: “Singamadoda sikhathazekile ukudlwengulwa kwabantwana namantombazana eMatatiele. Silapha ukuzophakamisa isikhalo sifuna kwenziwe ubulungisa.” Banyanzelise kugxothwe umphathi wesi sikhululo samapolisa saseMatatiele esifedayo ukunceda amaxhoba. Uxwebhu lwezikhalazo luthunyelwe kuMongameli Cyril Ramaphosa, UN Women, UNICEF, UNAIDS nabanye.