News

Kuthiwa kugos’ okophukayo ngakumaxabiso ombane kwabo bahluphekileyo

11 EyeKhala (July) 2024 – 24 EyeKhala (July) 2024 – Intatheli kaDizindaba

Kapa

UMphathiswa wezombane, umnumzana Kgosientsho Ramokgopa uvakalise ukungonwabi kukunyuswa kwamaxabiso ombane nathi aza kubetha kabuhlungu ngakumbi kwabo basokolayo.  Kutshanje uEskom usandula kuvunyelwa yiPalamente ngokunyusa amaxabiso ombane nalapho yena Eskom akhale ngokungahlawulwa ngoo Masipala.  Kuvakala okokuba ooMasipala abaninzi batyala into ephaya koo R76 Billion ntoleyo ekuvakala okokuba sele kuphaya kwiminyaka emithathu edlulileyo.

UMphathiswa uRamokgopa uthe: “Apho ibhulungu kakhulu yonke le nto kusekubeni oku konyuka kombane kuzakuchana kakhulu abo bantu basokalayo.  Ewe yona inkulu intywenka yemali ethe yachithwa ekubeni kuqinisekiswe okokuba ayancanciswa loo maziko aphehla umbane.  Oku kuye kwaqandusela ekubeni khe lo “Cimi Cimi” wombane obekade ebetha abemi beli akhe abe uyamiswa into engaya phaya kwe khulu lee ntsuku.” 

UMphathiswa uhambise wathi oku kubenegalelo elikhulu ekuncedisweni kuka Eskom ukuba abenakho ukumelana nemfuneko enkulu yombane.  Njengoko sele nditshilo olona loyiko lwam lusekubeni lo “Chintsi” kwi xabiso lombane abe uzakubetha kakhulu kubemi beli, ingakumbi kwabo bangathathintweni.

Kusenjalo bona abesemfuthweni wolwazi bavakalise okokuba phaya kwii lokishi zalapha eKapa ingakumbi eGuguletu kukho abahlali aboyiswayo nakukuthenga umbane ngeR50.  Ukanti yena umama uCynthia Nyanda waphaya eSection 3 uthe: “Wawu, abo bayavuya kuba mna nosapho lwam olungenamntu uphangelayo sikhe sibethwe nakukuthenga lo mbane nkqu nange R20 le.  Phofu ingesithi sedwa kuba ndiye ndifumanise kunjalo nakwabanye abamelwane bam.”

Ebuzwa lo mama ngombane wamahala abaye bawuphiwe bona bomnkela indodla (Grant) bewuphiwa ngoo masipala lo mama uthe: “Wowu! Leyo ekuthethwa ngayo kuba iba zii ‘Units’ ezingephi.  Kuphinde loo nkam nkam kuthethwa ngayo yile iphinda isisokolise ekubeni siyifumane okokoko kwavezwa ukutshintshwa kwezazisi (ID).  Khona ngoku iba ngu “Duntsu-duntsu” phaya kwa SASSA kudlula iinyanga de zibe ntathu uphoswa ngapha nangapha ube ungenawo umbane ubethwa nayindlala,” utshilo lo mama ebuhlungu.