Education

UMphathiswa wezeMfundo ufuna ziphuculwe izikolo nemfundo

UMphathiswa wezeMfundo uLiziwe Gwarube umemelela okokuba iphuculwe imeko yezo zikolo zisebugcwayibeni nezithe zabona kusweleka abafundi abaninzi.
Ikakhulu uMphathiswa ubulule ukuphuculwa kwezikolo ezininzi ezisemaphandleni nezinezindlu zangasese ezisebenzisa imingcuma. Uthe kulapha apho kuthe kwenzeki iziganeko zokutshona kwabantwana kwii toilets. UMphathiswa uye waqhubeka wathi oku kubabone benyanzeleka belisebe okokuba babongoze zoncedo mali. Uye wongeza nangokhuseleko olukhulu abafundi. Uthe baqaphele ukwanda kweziganeko zokuhlaselwa kwabafundi ngamaqela emiguvela, lithe kufuneka lubengqingqwa ukhuseleka ngokuthi kubekho onogada. UMphathiswa waleke ngelithi nabazali kufuneka bedlale indima kukhuseleko lwabafundi ngokuthi babakhapha roqo besiya naxa bebuya ezikolweni. UMphathiswa elebele ngokubeka ukubaluleka kokuphaculwa komganganto wemfundo ngokuthi noo titshala kuyafuneka okokuba bencedisiwe ngokangezwa koo titshala kuba abanye baba bajongana namanani iphezulu abafundi eziklasini
zaba.