Ixhasiwe inkonzo yase Tshetshi e Ngcobo
30 EyeNkanga 2023 – 06 EyoMnga 2023 – Yonela Mpaka
NGCOBO
Inkonzo yama Tshetshi nezinze kwindawo yase All Saints ithe yamniela izixhobo zokuthunga ezinikezwe nguMasipala i-Dr Ab Xuma phantsi kwe ofisi ekhuthaza ukuba abantu bavuke bazenzele. Ezi zixhobo zokuthunga zinikwe omama bomanyano abathungayo ukuba bathunge izinto zecawe ukuze xa kukho lonto efunisa impahla kungaphunywa ngaphandle nezizakuthi xincede bonke omama babenento yokeenza. Ukuthunga yeyonanto sele ihamba phambili nesele abantu abangomama beyenza ukugqotha ezinye izinto. Zi metshini ezihamba namalaphu ezithe zasisipho kulenkonzo.
Umasipala uthe gqolo ukuxhasa iproject ezikhoyo nokuba zivela kweliphi icala elalini okanye ecaweni.USodolophu womasipala uSiyabulela Zangqa unikeze ngezinetshini phantsi kokuxhasa omama ukuba babenento yokwenza. Oka Zanqgqa uthi omama ngabona funeka baxhaswe xa ikhona into abayenzayo ukuze bazoyeka ukubangamaxhoba okuhlukumezwa,uthi omama ngabo ngoku asele bejonge amakhaya inxaso funeka bayinikwe kangangoko.
“Ezi zixhobo sifuna zisebenze zithungele abantwana abaza ecaweni bengenazo impahla zesikolo bazinikwe apha ecaweni ukuze bayazi xa ubheka ecaweni ikhona into ezuzekayo,sifuna kungabikho kuxhwithana lowo nalowo okwazi ukuvelisa alinikwe ithuba,sithi komama mabaye phambili sakuhlala sibaxhasa maxedha onke,“ utshilo u Zangqa. Omama benkonzo bakuvuyele kakhulu ukwamkela ezizipho.
Umama uNozipho September nongumthungi uthi bancedwa kakhulu kuba into yokuthunga kubo isegazini baxakwa nje kukuba bebengenazixhobo, bazakwenza konke ekufanele kuyenziwa kuba bona bafuna kungabikhomntu ulambathayo kwicala lokunxiba. “Siyabulela kakhulu kuMsuthu osoloko ebakhona kwizinto zethu esizenzayo ecaweni, sibanenkonzo nezokuthandazela abantu zange akabikho ngoku sibona esiphathele izinto sithi kwande apho athathe khona,“ utshilo umama uSeptember. Umasipala ukhe wayoxhasa nakomama abane project nekudala bethunga kodwa ngoku bebesele betyhafa ngenxa yokungabikho kwezixhobo ezaneleyo.

