Baphiwe ibhegi zokuphatha incwadi abantwana
25 EyeKhala (July) 2024 – 31 EyeKhala (July) 2024 – Anele Raziya
Xhorha
UMasipala waseMbhashe eDutywa usaqhuba nephulo lakhe lokudlala indima ephambili kwicala lokuphuhlisa uluntu ingakumbi kwindawo yaseMbhashe.
Kutsha nje icandelo lakwaCooperate Services department eMbhashe liye latyelela isikolo samabanga aphakamileyo i- Elliotdale Technical Senior eXhorha ngenjongo zokunceda abantwana abangathantweni.
Abafundi abayi150 abafunda uGreyidi 12 kwisikolo i-Elliotdale Technical Senior School baye baphiwa iibhagi zokuphatha incwadi.
Oku kulandela isithembiso esasenziwe lelincadelo ngenyanga uApril ngexesha lalisindleke iCareer Exhibition ngenjongo zokuxhobisa abantwana ngamakhono abanowalandela xa bephumelele ibanga leshumi.
USekela Nqununu wesikolo uKukiwe Madondile uyewayibulela kakhulu inkxaso yaseMbhashe kwaye wathi kuluvuyo kubo xa befumana iibhegi zokuphatha incwadi kumasipala wabo.
UMadondile uthe abantwana besikolo bazonwabele kakhulu iibhegi abaziphiweyo njengoko bebezidinga kwaye bayambulela umasipala waseMbhashe.
Uqhube wathi abantwana bakhuthazekile kwaye bathembisa ngokufunda ngokuzimisela kuba abafuni befuna ukonwabisa abazali babo noMbhashe.
UMadondile uthe iCareer Exhibition eye yasindlekwa esikolweni iye yaza notshintso esikolweni kwaye abantwana babonakala bekhuthazekile nakwizifundo zabo.
UMbhashe uthe unethemba lokuba isipho sawo kwesi sikolo sakudlala indima enkulu kwicala lokhuthaza abantwana kwizifundo zabo.
Eli nyathelo laseMbhashe belingaqali ukwenzeka njengoko umasipala esaziwa kakhulu kwicala lokuxhasa okopolotyeni ingakumbi amafama asakhasayo.
Kwaye uSodolophu waseMbhashe uSamkelo Janda usoloko eyibeka elubala ukuba bengumasipala bayibeka phambili into yokuphuhlisa impilo yoluntu lwaseMbhashe ingakumbi abo bangathantweni.
Indawo yaseMbhashe iphakathi kwendawo ezibalwa phakathi kwezo zinamanani aphezulu entswela ngqesho kodwa umasipala uzama kangangoko ukuqinisekisa ukuba uyancedisana noluntu ukunciphisa indlala.


