Crime & SafetyNews

Ititshala ibanjelwe ukubulala

25 EyeKhala (July) 2024 – 31 EyeKhala (July) 2024 – Monwabisi Khininda

Dikeni

Kubanjwe umrhanelwa wesithathu oneminyaka engamashumi amathathu anesine ubudala owayefudula encuma noKungawo Nyhweba (19) oxhwilwe wabulawa watshiswa kutsha nje. Ngokutsho kwamapolisa le ndoda esebenza njengoMfundisi ntsapho ibanjwe kwiveki ephelileyo. Kulindeleke abayinxalenye yabanye abarhanelwa ababini asele bethothoza ngaphaya kwezitshixo.UCol.Siphokazi Mawisa uthi kufunyenwe umzimba wendoda enamashumi amane anesithandathu (46) kwindawo yaseIndwe.

Kuvakala ukuba lendoda efunyenwe ibhubhile ibisebenza njengomncedisi kwisikolo salapha. Kuvulwe ityala ukuze kuqhutywe uphando lwamapolisa. Umrhanelwa uzojamelana netyala lokuxhwila nokubulala. Kulindeleke bavele enkundleni yamatyala kuleveki kwinkundla kamantyi yaseDikeni.

Ukubanjwa kwabo kulandela ukufunyanwa komzimba wentombazana enguKungawo Nthweba owaqweqwediswa kwikhaya lakhe. Ngokwengxelo yamapolisa umfi ufunyenwe kwindawo ebizwa Ebakhwetheni, eJoza eRhini emva kokuba wayeqweqwediswe ngabarhanelwa abane.