UCeba unikezele ngekiti kwiqela laseZizamele
29 EyeThupha (Aug) 2024 – 11 EyoMsintsi (Sept) 2024Â
Anele Raziya
UMasipala waseMnquma eGcuwa ukhuthaza ulutsha ukuba luthabathe inxaxheba kwintlobo-ntlobo zemidlalo kwaye luhambele kude kwizinto ezifana neziyobisi.
Oku kuvele ngexesha umasipala ebetyelele kwaWard 5 kwiveki ephelileyo nalapho ebeyokunikezela ngekiti yokudlala ibhola ekhatywayo kwiqela elibizwa ngokuba yiBlack Diamond Football Club.Â
Uceba waseMnquma uSisa Matutu okhokele icandelo lakwa Strategic Management kwamasipala, uthe bengumasipala bazibophelele ekuncedisaneni nolutsha ukuba lufezekise amaphupha walo kwezemidlalo.
“Siyayazi sonke imidlalo iyakwazi ukugcina ulutsha kude kwizinto ezifana notywala, ukhulelwa (pregnancy) ngaphambi kwexesha kunye nezinye izinto ezibulala ikamva labantu abatsha,” kutsho uMatutu exelela abazali nabadlali ebebezimase umsitho wokunikezelwa ngekiti nobubanjelwe kwiholo yoluntu kwilokishi yaseZizamele.
UMatutu uqhube wathi bengumasipala bakhuthaza ulutsha ukuba luthabathe inxaxheba emidlalweni kwaye luhambele kude kwizinto ezifana nokwaphula umthetho.
Uthe imidlalo inembali yokumanya abantu kwaye iyayigxotha nendlala emakhaya xa umntana sele edlalela amaqela abhatalayo.
UMatutu uthe kungoko bengumasipala bebone kufanelekile ukuba baxhase iqela iBlack Diamond Football Club ukuze abadlali balo bafezikise amaphupha wabo kwibhola ekhatywayo.
Umqeqeshi weli qela le dyogwana ezisakhulayo kwilokishi yaseZizamele, uCikizwa Potelwa uyibulele inkxaso abayifumene kumasipala wabo kwaye wathi ikiti yabo entsha iza kubuyisa isdima sabo.
“Siyathemba ukuba le kiti intsha izokhuthaza abadlali bethu kwaye ibanike nesidima xa bedlala namanye amaqela,” kutsho uPotelwa.
Uceba wakwa ward 5 uMawande Xabela naye ebeyinxalenye yomsitho kwaye uye wavakalisa uchulumance ngale nkxaso ivela kumasipala.
Naye uXabela ukhuthaze abantwana ukuba bahambele kude kwiziyobisi kwaye bejongane nemidlalo ukuze ikamva labo liqaqambe xa bebadala.
UMnquma usoloko uluxhasa ulutsha emidlalweni njengoko usoloko usindleka indebe kaSodolophu (Mayor’s Cup) nyaka nonyaka kwaye amaqela aye aphiwe iikiti xa kuqhuba lo midlalo.
Â
Â
Â

